1. Iya isanda into yokuba amagosa azivulele ngokwawo iifayili zethutyana. Iifayili ezilolu hlobo azibhaliswanga kwiNkqubo yeKhompyutha yoKulandelwa kweeFayili yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED’s Online File Tracking System (FTS)) yaye akukho stikha sebhakhowudi sifakwe kwezi fayili. Ngako oko ke akukho rekhodi yokwenene yezo fayili zichaphazelekayo.
2. Le nkqubo iyangqubana nemigaqo yoMthetho weNkonzo yee-Akhayivi neeRekhodi zeSizwe waseMzantsi Afrika, 1996, (uMthetho 43/1996), njengoko kuyimfuneko emiselweyo ukuba yonke imbalelwano mayifayilishwe ngokungqinelana nenkqubo evunyiweyo yokufayilisha kwiifayili ezifanelekileyo zaseburhulumenteni. Ngaphezulu, yimfuneko emiselweyo ukuba zonke iifayili zaseburhulumenteni mazivulwe ngabecandelo lobhaliso lweefayili (registration), zibhaliswe kwiFTS zize zinikwe ibhakhowudi kwangabo.
3. Ukwenzela ukuqinisekisa ukuba ezi mfuneko zikhankanywe apha ngentla kuyangqinelwana nazo, ayacelwa amagosa akwaNdlunkulu ukuba aqinisekise ukuba zonke iifayili zethutyana zivulwa ngabasebenzi ababhalisa iifayili ukwenzela ukuba zibe nokurekhodwa iifayili kwirejista yeefayili ezivuliweyo zize ke zinikwe ibhakhowudi. Kubalulekile kwakhona ukuba abasebenzi ababhalisa iifayili bazitshabalalise iifayili zethutyana yakuba nje ifunyenwe ifayili yentsusa (original file) yaza imbalelwano yatshintshelwa kwifayili yentsusa.
4. Iifayili zethutyana ezingangqinelaniyo neemfuneko ezimiselweyo zokugcinwa kweerekhodi kwii-akhayivi nezingenayo ibhakhowudi aziyi kuthathwa njengeefayili zaseburhulumenteni yaye iisuphavayiza mazingazivumi ezi fayili.
5. Nayiphi na imibuzo emalunga nokubhalwe kule ngcaciso emfutshane mayibhekiswe kwaba:
Ms M Fick   (021) 467 2758
Ms F Manie  (021) 467 2756
6. Kucelwa wazise okukule ngcaciso emfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-WL CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:09:29