1. ISebe leMisebenzi kaRhulumente (Department of Public Works) lilungiselela ukuhlawula iireyithi neerhafu zazo zonke iipropathi ezibhaliswe ngegama leRiphablikhi yoMzantsi Afrika neloRhulumente wePhondo leNtshona Koloni.
2. Ukuze kube nokwenziwa oku, ziyacelwa zonke izikolo kuzo zonke iingingqi zoomasipala kwiPhondo leNtshona Koloni ukuba zithumele iireyithi zeepropathi zazo kunye nee-akhawunti zerhafu kule dilesi ilandelayo:
The Regional Manager
For attention: Mrs R Koeries
Department of Public Works
Private Bag X9027
CAPE TOWN
8000
Ifoni: 021 402 2364 
Ifeksi: 021 402 2105
3. Ukuphepha izohlwayo neentlawulo zenzala, iSebe leMisebenzi kaRhulumente kufuneka lihlawule zonke iireyithi ezilindelekileyo ngalo nyaka-mali phambi kwe-30 Septemba 2005. Ngako oko ke, iya kuvuyelwa kakhulu into yokuba zonke iireyithi zeepropathi nee-akhawunti zerhafu zingafika kwiSebe leMisebenzi kaRhulumente ngokukhawuleza kangangoko ukwenzela ukuba kwenziwe iintlawulo phambi komhla omiselweyo.
4. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:09:15