1. Ifom yokwenza isicelo sokubhalisa umfundi oza kufundela ekhaya ekhoyo ngoku kunzima kakhulu ukuyisebenzisa kwaye ayingqinelani nomgaqo-nkqubo kazwelonke.
2. Ngokwenjenje kucelwa abaphathi beesekethe ukuba bafake endaweni yale fom yokwenza isicelo sobhaliso ekhoyo ngoku le fom yokwenza isicelo sobhaliso ifakelwe izilungiso neqhotyoshelwe apha. Le fom iqala ukusebenza ngoko nangoko.
3. Njengoko le fom yokwenza isicelo sobhaliso isathunyelwa kuphela ngefomathi ye-imeyili, ayacelwa amagosa kunye/okanye abaphathi beesekethe kwii-ofisi zee-EMDC ukuba bazenzele iikopi zabo ezingamaphepha zale fom yokwenza isicelo kwii-imeyili zabo.
4. Enkosi ngentsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:07:21

Application form: WCED087  (ubukhulu: 44 KB)