1. Kucelwa ufunde uMhlathi 9 weSetyhula yeThutyana LS 0008/2001 yowe-17 Julayi 2001.
2. Iingxelo zeenkcukacha-manani ezikhoyo ngoku zemicimbi engekasonjululwa kwicandelo ngalinye ukususela ekuqalisweni kweNkqubo yokuLandelwa kweMicimbi eNgenisiweyo (Issue Management System (IMS)) ibonisa ukuba abanye babasebenzisi bale nkqubo ababeqeqeshiwe abayisebenzisi kakuhle. Umzekelo, ingcaciso yamva nje, inkqubela esele yenziwe kwimicimbi ethile exoxiweyo nemihla yokugqitywa kwayo ayikafakwa kule nkqubo.
3. Ezi nkcukacha-manani zilandelayo zibonisa inani lemicimbi engekasonjululwa kwi-IMS kwithuba elisusela kumhla woku-1 Septemba 1999 ukuya kowama-15 Meyi 2005.
Imicimbi Engekasonjululwa% Imicimbi Engekasonjululwa
16 75232.59
4. Ngenxa yoku kulapha ngasentla, kuhlatywa ikhwelo lokubongoza abasebenzisi bale nkqubo kwicandelo okulo ukuba bancede bayihlaziye ngokukhawuleza imicimbi ekwi-IMS yaye bayirekhode qho imihla yokuthathwa kwezigqibo. Ukungakwenzi oku kubangela lungasebenzi ngempumelelo ulawulo lwemicimbi engenisiweyo.
5. Kucelwa uqinisekisa ukuba baxelelwe abasebenzisi bale nkqubo malunga noku nokuba zitshekishwa qho iingxelo ngemicimbi engekasonjululwa kwicandelo ngalinye.
6. Nayiphi eminye imibuzo emalunga nokubhalwe kule ngcaciso emfutshane mayibhekiswe kwaba:
Nks ME Erasmus 021 467 2765
Nks C Currie   021 467 2756
7. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu ngokumalunga nok.


ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:06:10