1. ucelwa iinqununu zithathele ingqalelo iSetyhula 0062/2004 yomhla we-15 Novemba 2004 ekwathi kuyo kwacelwa ukuba izikolo eziNgekho phantsi kweSiqendu 21 zingenise iifom zebhajethi yazo (WCED 032) kwakunye nezi fom zokuthenga izinto (requisitions) (WCED 026 no-WCED 034) ukulungiselela ukuthengwa kweencwadi zezifundo (textbooks) (ngaphandle kwamabakala 7 no-10) phambi komhla wama-25 Apreli 2005.
2. Zacelwa zonke izikolo kwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo laMalungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo 0006/2005 (Logistical Services Minute 0006/2005) yomhla wama-28 Februwari 2005 nakwiNgcaciso eMfutshane yeCandelo laMalungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo 0010/2005 (Logistical Services Minute 0010/2005) yomhla we-11 Apreli 2005 ukuba zingenise izihlomelo zazo (izihloko zeencwadi zezifundo - titles of textbooks), phambi komhla wama-25 Apreli 2005 (ngaphandle kwamabakala 7 no-10 wona ongezelelwa ixesha de kube ngumhla woku-1 Agasti 2005).
3. Zonke izikolo azikaphenduli ngokufanelekileyo. Ziyacelwa izikolo ezingekazingenisi iifom zebhajethi yazo, iifom zokuthenga izinto (requisitions) kunye nezihlomelo zezihloko zeencwadi zezifundo (titles of textbooks) ukuba zincede zizingenise ngokukhawuleza ezi fom zikhankanywe apha ngasentla phambi komhla we-10 Meyi 2005.
4. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:05:06