1. Unyulo loomasipala luza kuqhutywa ekuhambeni konyaka, yaye egameni lokukhuthaza idemokhrasi, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liceliwe kwakhona ukuba lincedise ngokuthi lenze zibe nokufumaneka izakhiwo zezikolo kunye namanye amancedo ezemfundo njengamaziko ovoto. Ukuba kucelwa izikolo kunye neekholeji ngokumalunga noku, eli Sebe aliyi kukuchasa konke konke ukuvuma kwazo ukunika imvume elolu hlobo.
2. Ukulungiselela injongo yokhuseleko lootitshala/lwabafundi, kwakunye nokukhusela iprophathi yesikolo/yekholeji, imbuyiselo ngenxa yomonakalo, njl. njl., makwenziwe imvumelwano kuqala phakathi kukamasipala/kwegunya laloo ndawo elichaphazelekayo kunye nesikolo/nekholeji leyo.
3. Ziyacelwa iintloko zamaziko emfundo ukuba zazise amabhunga anika iingcebiso/olawulo ezikolo okubhalwe kule ngcaciso emfutshane ukuze akuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-C.J. FOURIE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:05:05