1. |
Zacelwa izikolo ngeNgcaciso eMfutshane yezaMalungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo 0006/2005 yomhla we-28 Februwari 2005 ukuba zibonise ukuba ziziphi na iincwadi zezifundo (textbooks) ezaziza kuzithenga zamabakala ngamabakala ngowe-2006. Kwakufuneka izintlu zezo ncwadi zingeniswe ngokuzithumela ngekhompyutha kunye nale fom WCED 032 ungadlulanga umhla we-25 Apreli 2005. |
2. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni lifumane ingcaciso kwi-Publishers Association of South Africa (PASA) yokuba azikabikho iiNcwadi nezinto zokuXhasa ukuFunda nokuFundisa (Learning and Teaching Support Material (LTSM)) zamaBakala 7 no-10. Nakuba kunjalo, iLTSM yala mabakala iya kubakho kwimiboniso (exhibitions) eya kwenziwa kwiiseshoni zoqeqesho lootitshala eziya kuqhubeka ngethuba leeholide zezikolo ngoJuni 2005. Oku kuya kwenza iinqununu zibe nako ukuthatha izigqibo ezizizo zinolwazi ngokumalunga neencwadi nezinto zokufundisa eziya kuzifuna zala mabakala. |
3. |
Ikho iLTSM yawo onke amanye amabakala yaye kumele kungeniswe iifom zokuyithenga kulo
The LTSM Project Manager
Block C, Metropole East
Nooiensfontein Road
Kuils River
7580
phambi kowe-25 Apreli 2005. |
4. |
Ngako oko ke, ziyacelwa izikolo eziNgekho phantsi kweSiqendu 21 ukuba zenze oku kulandelayo: |
4.1 |
Zingenise iishedyuli zawo onke amabakala NGAPHANDLE kwezamabakala 7 no-10 ngokuzithumela ngekhompyutha kwakunye nezi fom zazo WCED 032, phambi komhla wama-25 Apreli 2005 kwidilesi enikwe kwiNgcaciso eMfutshane yezaMalungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo 0006/2005. |
4.2 |
Zingenise iishedyuli ngokumalunga nezihloko zeencwadi eziya kuthengelwa amaBakala 7 no-10 kwakule dilesi inye (khangela ku-4.1) 10 ngoMvulo umhla woku-1 Agasti 2005. |
4.3 |
Zigcine inxenye yemali ebekelwe ukuthenga i-LTSM ukwenzela ukuthenga iincwadi zamaBakala 7 no-10 . |
4.4 |
Zingenise iifom zazo zokuthenga (requisitions) i-LTSM kulo
The LTSM Project Manager
Block C, Metropole East
Nooiensfontein Road
Kuils River
7580
phambi kowe-5 Agasti 2005. |
5. |
Ziyacelwa izikolo eziphansti kweSiqendu 21 ukuba zenze oku kulandelayo: |
5.1 |
Zingenise iishedyuli zazo zeencwadi zawo onke amabakala ngaphandle kwezamabakala 7 no-10 ngokuzithumela ngekhompyutha kwidilesi enikwe kwiNgcaciso eMfutshane yeza-Malungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo 0006/2005 phambi komhla wama-25 Apreli 2005. |
5.2 |
Zingenise iishedyuli zazo ze-LTSM yamaBakala 7 no-10 kwakule dilesi inye (khangela ku-5.1) phambi komhla woku-1 Agasti. |
5.3 |
Zigcine inxenye yebhajethi yazo ye-LTSM yamaBakala 7 no-10 ukwenzela ukuba ibe noku-odolwa kwangethuba i-LTSM ukuze ibe sele ikho xa kuvulwa izikolo ngo-2006. |
6. |
Iza kulandela kungekudala iNgcaciso eMfutshane yeCandelo lezeKharityhulam engokumalunga nokukhethwa kwezifundo zeBakala 10. |
7. |
Kunyanzelekile ukuba zonke izikolo zilandele ngqo ezi zicelo zilapha ngasentla. Mazincede iinqununu zinike ikopi yale ngcaciso emfutshane usihlalo webhunga lolawulo lesikolo. |
8. |
Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yenu. |
ISAYINWE: NGU-W.L. CARELSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:04:11
|