1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (i-WCED) laziswe liSebe leNkulumbuso ukuba iCosatu ihlabe ikhwelo kuyo yonke imibutho emanyene nayo nakumalungu ayo kwaye yayikhuthaza ukuba ixhase iphulo elithi "IZithuba zeNgqesho neNtlupheko" (“Jobs and Poverty”) ngokuthi ithathe inxaxheba kubeko-phantsi lwezixhobo zomsebenzi imini yonke.
2. Olu qhankqalazo lwe-Cosatu lucwangciselwe uMvulo, we-3 Oktobha 2005 eNtshona Koloni.
3. Ukuze sibenako ukulungiselela ukumelana nolu beko-phantsi lwezixhobo zomsebenzi lunokwenzeka ngalo mhla sele ukhankanyiwe ngentla apha, abaphathi/iintloko zamaziko emfundo mazilungise iinkqubo zokuqinisekisa ukuba aza kuqhubeka esebenza amacandelo namaziko emfundo. Kucelwa niqaphele ukuba, apho abaphathi/iintloko zamaziko emfundo nazo ziza kuthatha inxaxheba kolu beko-phantsi lwezixhobo zomsebenzi, ngumsebenzi weesuphavayiza/wabaphathi beesekethe abachaphazelekayo ukuba baqinisekise ukuba ezi nkqubo zihlala zilungele imeko.
4. Kucelwa ukuba niqwalasele ezi Ngcaciso ziMfutshane zilandelayo zezoBudlelwane eMsebenzini: 001, no- 002 ka-2004, nezicacisa gca ngenkqubo echanekileyo emayilandelwe.
5. Nangona kunjalo, ezi ngongoma zilandelayo ziyagxininiswa ukuba niziqwalasele:
    • Umgaqo othi “Wangasebenzi, wangahlawulwa” uya kusetyenziswa.

    • Abaqeshwa abayi kuvunyelwa ukuba bathathe ikhefu ngenjongo yokuthatha inxaxheba kolu beko-phantsi lwezixhobo zomsebenzi.
    • Makugcinwe iirekhodi ezichanekileyo zabo bonke abaqeshwa abathathe inxaxheba kolu beko-phantsi lwezixhobo zomsebenzi nabangekhoyo kwiindawo abasebenza kuzo.
6. Ngenxa yoku kulapha ngentla, iya kuthakazelelwa into yokuba bonke abaphathi/iintloko zamaziko zingazalisa izihlomelo eziqhotyoshelwe apha zize zizingenise kwiCandelo lezoBudlelwane eMsebenzini, zizidlulise kuqala kwi-EMDC echaphazelekayo (ngawo onke amaziko emfundo), ukuze ziqwalaselwe ngulo CR Esau, inombolo yefeksi (021) 425 8612 okanye idilesi ye-imeyili:cesau@pgwc.gov.za, ngokukhawuleza, ungadlulanga umhla, we-5 Oktobha 2005. Kucelwa niqaphele ukuba izihlomelo mazizaliswe, nokuba ngaba akukho mntu kwicandelo/kwiziko lakho oye wathatha inxaxheba kubeko-phantsi lwezixhobo zomsebenzi, njengoko le ngcaciso ifunwa liSebe loMphathiswa noLawulo lweNkonzo kaRhulumente.
7. Uyaziswa ukuba iimanyano kwezemfundo ezizibandakanya ne-Cosatu zezi zilandelayo:
    • Sadtu

    • Nehawu
    • Pawusa and
    • Denosa
8. Imibuzo
8.1 ICandelo lezoBudlelwane eMsebenzini liya kuba namagosa aya kuhlala esemsebenzini ukuze anike iingcebiso/uncedo ngeli thuba lichaphazelekayo.
8.2 Kungaqhagamshelwana nala magosa alandelayo :
R Jansen    -   (021) 467 2863  -  rjansen@pgwc.gov.za
K Petersen  -   (021) 467 2865  -  kpetersen@pgwc.gov.za
F Brand     -   (021) 467 2399  -  fbrand@pgwc.gov.za
H Mzaca     -   (021) 467 9233  -  hmzaca@pgwc.gov.za
A Jacobs    -   (021) 467 2416  -  ajacobs@pgwc.gov.za
M Knoetze   -   (021) 467 2372  -  mknoetze@pgwc.gov.za
9. Nceda wazise okukule ngcaciso imfutshane zonke iisuphavayiza nabathathi-nxaxheba abachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-W WANDRAG
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:09:27

zezihlomelo  (ubukhulu: 19 KB)