1. UKUNATYISWA KWAMAGUNYA OKUNQUMAMISA ABASEBENZI
1.1 Kumatyala athile aphathelele ekuziphatheni gwenxa, iNtloko yeSebe leMfundo inokuthi, ngokowiso-mthetho kunye neemvumelwano nemibutho yabasebenzi, imnqumamise okanye imtshintshele kwesinye isithuba umsebenzi njengenyathelo lothintelo ukuba iNtloko yeSebe leMfundo leyo inoluvo lokuba kungakho ubungozi ekugcineni umsebenzi kwindawo asebenza kuyo. Umzekelo, umsebenzi usengaba urhanelwe kwisenzo sokubetha, ekungcungcuthekiseni ngokwesondo (sexual harrassment) okanye ekuxhaphazeni ngokwesondo (molestation). Kusengakho nobungozi bokuba umsebenzi lowo angaphazamisana nobungqina okanye awoyikise amangqina.
1.2 Ekunikeni ingqwalaselo kokukhankanywe ngentla, iNtloko yeSebe leMfundo isenganqumamisa umsebenzi okanye imtshintshele kwesinye isithuba esahlawula umvuzo opheleleyo iinyanga ezintathu ubuninzi. Kufanele kuqatshelwe ukuba olo nqumamiso aluthethi ukuba ukuqeshwa komsebenzi lowo kuphelisiwe. Okuthethwa koku kukuba ukwikhefu elinyanzelisiweyo elihlawulelwayo, ngexa kusathethwa ityala.
1.3 Ukuba umsebenzi unqunyanyisiwe okanye utshintshelwe kwenye indawo, umqeshi makenze konke okusemandleni akhe okanye aqukumbele ukuthethwa kwetyala ingadlulanga inyanga umsebenzi lowo enqunyanyisiwe okanye etshintshelwe kwenye indawo. Igosa elongameleyo lingathatha isigqibo ngako nakuphi na ukuhlehliswa komhla wokuthethwa kwetyala okungenzekayo.
1.4 Ukuze ikwazi ukujongana kakuhle nangobuchule nezenzo zonqumamiso, iNtloko yeSebe leMfundo inikezele ngamagunya okunqumamisa umsebenzi ku-The Director: Labour Relations.
1.5 Ukuba iinkqubo zokunqumamisa umsebenzi azibanga nakugqitywa kwiintsuku ezingama-90, umqeshi makacele igosa elongameleyo linike izizathu zokulibaziseka kwezi nkqubo kuze kunikwe izalathiso zokuqinisekisa ukuba zenziwa zigqitywe iinkqubo ezo zokuthethwa kwetyala.
1.6 ICandelo: lezoBudlelane emSebenzini (Directorate: Labour Relations) liya kuphicotha izityholo zokuziphatha gwenxa ngokwemeko yelo xesha. I-EMDC okanye umlawuli unako kananjalo ukungenisa isicelo esikhatshwa zizizathu ngokunqunyanyiswa okanye ukutshintshelwa komsebenzi kwenye indawo. Emva kophando lokuqala nophicotho lwabo bonke ubungqina, uMlawuli: wezoBudlelane emSebenzini uya kuthatha isigqibo esibophelelayo aze azise i-EMDC okanye uMlawuli ngokunxulumene nesiphumo.
1.7 Amalungiselelo okuthunyelwa kwesilumkiso sokugqibela sokunqunyanyiswa komsebenzi aya kwenziwa kunye nabaphathi abachaphazelekayo ukuze kuqinisekiswe ukuba isigqibo esibophelelayo sivakaliswa ngokufanelekileyo yaye nobungqina buyafumaneka malunga nokuba ngaba umsebenzi lowo wayifumana nini na ileta leyo. Ikopi yeleta, esayinwe ngumsebenzi onqunyanyisiweyo yokungqina ngokufumaneka kwayo, mayithunyelwe okanye ifekselwe kwi-The Directorate: Labour Relations.
2. UMGAQO WOKUQESHWA KWABASEBENZI ABABAMBELEYO

Okulandelayo kusebenza xa kuza kuqeshwa abasebenzi abaza kuthatha indawo yabo basebenzi banqunyanyisiweyo:

2.1 Imigaqo esesikweni yokucelwa nokwabiwa kwabasebenzi ababambeleyo ngokunxulumene nootitshala isasetyenziswa, o.k.t. isicelo sokuqeshwa kwabasebenzi ababambeleleyo abanye kufaneleke ukuba senziwe kuphela ukuba lowo uqeshwe isigxina kwisithuba eso akazi kubakho emsebenzini ngaphezu kweentsuku ezili-10 zomsebenzi. Ngokuphathelele kubasebenzi benkonzo karhulumente, izicelo zokuqeshwa kwabasebenzi ababambeleyo ziya kuqwalaselwa ngokwemeko yesicelo eso.
2.2 Izicelo zokuqeshwa komsebenzi obambeleyo, ezikhatshwa yikopi yeleta engokunqunyanyiswa emsebenzini, mayithunyelwe kwiCandelo: lezaBasebenzi, (elooTitshala okanye elaBasebenzi beNkonzo kaRhulumente), (Directorate: Personnel, (Educators or Public Service), oko kusenziwa ngokusebenzisa amajelo onxibelelwano esiqhelo.
2.3 Ukuqeshwa komsebenzi obambeleyo kuya kuqwalaselwa liCandelo lezaBasebenzi (Personnel Directorate) elichaphazelekayo ngokwemeko ethile yelo xesha.
2.4 Bonke abantu abachaphazelekayo baya kwaziswa ngesiphumo setyala lezoluleko kuqinisekiswe ukuba ngaba isigqibo sokunqumamisa, ebesimiselwe njengenyathelo lothintelo, sesirhoxisiwe na.
3. INDAWO EKUNOKUBHEKISWA KUYO IMIBUZO

Imibuzo ingabhekiswa ku-The Director: Labour Relations kwifoni 021 467 2846.

Nceda uzise okubhalwe kule setyhula kwingqwalaselo yabo bonke abo bachaphazelekayo.



ISAYINWE: NGU-J.H. HURTER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:01:05