Okuqhotyoshelwe apha yikopi oyithunyelelwayo yoXwebhu loMgaqo-nkqubo oPhunyeziweyo No. 7 onge-e-Education- oTshintsha uKufunda noKufundisa kusetyenziswa iNgcaciso noNxibelelwano ngeThekhnoloji (Information and Communication Technologies (ICT). Injongo yalo mgaqo-nkqubo kukutshintsha zonke izikolo kweli lizwe ukuba zibe zizikolo ezisebenzisa ithekhinoloji (e-schools), oko kukuthi izikolo ezisebenzisa i-ICT ukuphucula ukufundisa nokufunda; ziyisebenzise ekwenzeni ucwangciso, ukuphathwa nolawulo lwazo, yaye zisebenzise izibonelelo ze-ICT ekunikeni inkxaso ekufundiseni ikharityhulam.

AmaSebe eMfundo kazwelonke nawamaphondo aqulunqe okanye aza kuqalisa inkqubo yokuqulunqa izicwangciso zokuphunyezwa ezichaza nzulu ngalo mgaqo-nkqubo. Ezi zicwangciso zophunyezo ziya kuba nokufumaneka ezikolweni zakuba nje zigqityiwe ukwenziwa. IProjekthi eyi-Khanya Technology in Education Project ephunyezwayo njengangoku eNtshona Koloni iyinxalenye yesicwangciso sophunyezo seSebe leMfundo eNtshona Koloni.

Inkqubo yophunyezo ikwafuna ukuba kwenziwe uphando lokwandlalela nokuba izikolo zibekwe esweni rhoqo ukwenzela ukujonga ukuba ngaba ziqhubela phambili kusini na nemeko yazo yokuba zizikolo ezisebenzisa ithekhinoloji. Kuya kuthi nje ukuba zigqitywe izixhobo zophando lokwandlalela kunye nezokubekwa esweni kwenkqubo, zisiwe kuzo zonke izikolo.

Uyacelwa ke ngoko ukuba ufunde olu xwebhu lomgaqo-nkqubo luqhotyoshelwe apha ukwenzela ukuba ujongisise indima eza kudlalwa kukuphunyezwa kwalo mgaqo-nkqubo esikolweni sakho.



ISAYINWE: NGU- MJ CHILES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:07:19

Document: Draft White Paper on e-Education  (ubukhulu: 2 398 KB)
Correction Notice: Draft White Paper on e-Education  (ubukhulu: 83 KB)