1. Iilayibrari zizitshixo zothungelwano kwihlabathi jikelele nezingunobangela wokuba sifikelele kulwazi. Ngoko ke kubalulekile ukuba iilayibrari zezikolo zibe ngawona maziko okwenene emithombo yolwazi nokuba ukubaluleka kweelayibrari zezikolo kuqatshelwe ngokubanzi.
2. Ngo-1999 i-International Association of School Libriarianship (IASL), yabhengeza uMvulo wesine ku-Oktobha njengoSuku lonyaka lweLayibrari yeSikolo lwaMazwe ngaMazwe (International School Library Day (ISLD)). Ukususela ngoko olu suku luye lwabhiyozelwa kumazwe amaninzi ngeendlela ezahlukeneyo. Kulo nyaka olu suku lubhiyozelwa nge-24 Oktobha, kwaye umxholo walo nyaka uthi “Zibhaqele okunomtsalane” (“Discover the Adventure").
3. Olu suku kufuneka lubonwe njengolokuqaphela nokuphakamisa indima edlalwa ziilayibrari nokubaluleka kwazo ekufundeni kubomi bonke bomntu o.k.t. ukubonelela ngeencwadi nezixhobo zokuxhasa ukufunda nokufundisa (LTSM) zolwazi lokufunda ezibalulekileyo kwikharityhulam, kwinkqubo yemfundo iphela. Uphando lwamazwe ngamazwe lubonise ukuba abafundi baphumelela ngezinga eliphezulu xa besebenzisa ilayibrari yesikolo eneencwadi ezifanelekileyo neeprogram zemfundo ezinika inkxaso ngamandla. Ukongeza, abafundi bafunda ngcono xa besebenzisa ilayibrari yesikolo neencwadi zokufunda.
4. Ngako oko ke ngokweSicwangciso seNtsebenzo seSebe i-WCED seminyaka emi-5 (sika-2005/6 ukuya ku-2009/10), imigaqo-nkqubo ichaza, phakathi kwezinye izinto, ukuba "iSebe i-WCED linezicwangciso zokuba kwakhiwe amaziko angoovimba bolwazi neelayibrari kwisikolo ngasinye ukuze kubonelelwe ngeendidi ezininzi zeencwadi nezixhobo zokuxhasa ukufunda nokufundisa, nangolawulo lwazo ngempumelelo”.
5. Ezinye zezizathu zokuba izikolo zibhiyozele olu suku (ISLD):
  • Ukudibanisa iilayibrari zezikolo kunye noonolayibrari kwihlabathi liphela, kuqatshelwe ukubaluleka kwegalelo elenziwa zezi layibrari ngokunxulumene nophuhliso lwesizwe

  • Ukugxininisa indima edlalwa yilayibrari yesikolo kwimfundo yomntwana ukususela kumabanga aphantsi amlugiselela ukuqalisa isikolo kude kuye kwiFET

  • Ukwabelana ngezimvo, neenzame nezinto ezintsha ukuze abo bathatha inxaxheba kwiilayibrari zezikolo bakwazi ukufunda omnye komnye

  • Ukuqaphela igalelo elenziwa ngoonolayibrari koogxa babo kunye naseluntwini

6. IsiHlomelo A esiqhotyoshelweyo sicebisa iindlela ezithile izikolo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni ezinokubhiyozela ngazo uSuku lweLayibrari yeSikolo lwaMazwe ngaMazwe ngomhla we-24 Oktobha 2005.


ISAYINWE: NGU- MJ CHILES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:09:30

IsiHlomelo A  (ubukhulu: 20 KB)