1. Iincwadi zelayibrari yesikolo okanye zovimba wolwazi (eziquka neencwadi ezishicilelwe emacwecweni) eseziphononongiwe ngaBaphononongi bakwa-EDULIS beCandelo leZibonelelo zeKharityhulam nekucetyiswa ukuba zithengwe ziilayibrari zezikolo okanye ngoovimba bolwazi, ziza kuboniswa ngolu hlobo:
Indawo:                   EDULIS Seminar Room, 15 Kruskal
                          Avenue, Bellville
Ubude bexesha lomboniso:  19 Septemba – 7 Oktobha 2005
                          (o.k.t. iintsuku zeveki ezi-15)
Amaxesha otyelelo:        NgeMivulo kuye kutsho ngoLwezihlanu,
                          10:30 - 16:00
2. Imiqulu yeencwadi zemiba ngemiba neencwadi ezinika ingcaciso ngomboniso zifikelela kwiinkalo ngeenkalo zezifundo. Kwakhona kuza kuboniswa iintlobo ngeentlobo zeencwadi zemifanekiso noncwadi lwamabali lomlisela nomthinjana.
3. Baza kuba bekho aBaphononongi bakwa-EDULIS beCandelo leZibonelelo zeKharityhulam ukuze baphendule imibuzo ngezi ncwadi zingasentla, ekufanele ukuba zithengwe zizikolo ngemali eyabiwe ngokweMigaqo nemiGangatho yoLwabiwo-mali (Norms and Standards) okanye ngengxowa-mali yesikolo.
4. Kuya kuxoxwa ngeencwadi zesi-Afrikansi, isiNgesi nesiXhosa emva kwemini ngezi ntsuku zimbini, 5 & 6 Oktobha 2005, phakathi ko-15:00 no16:00.
5. Iya kuthakazelelwa kakhulu into yokuba ezi zaziso ziqhotyoshelweyo zingaxhonywa kwindawo esemboniselweni nokuba baxelelwe ootitshala, ngakumbi abo ingumsebenzi wabo ukongamela iilayibrari zezikolo okanye oovimba bolwazi ngalo mboniso.


ISAYINWE: NGU-M.J. CHILES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:09:06

Notice 1  (ubukhulu: 12 KB)
Notice 2  (ubukhulu: 17 KB)