1. |
Imibhiyozo yoSuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela eyasungulwa ngu-UNESCO iba ngomhla wama-23 Apreli minyaka le, ekungumhla wokuzalwa kukaWilliam Shakespeare. Kodwa ke njengoko kulo nyaka olu suku lungoMgqibelo, kucetyiswa ukuba izikolo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) zilubhiyozele olu Suku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela ngoLwesihlanu wama-22 Apreli 2005. |
2. |
Umxholo wolu suku uthi, UKUFUNDA NGUNAPHAKADE, ubonisa ukubaluleka kwezakhono zokufunda kwimfundo yobomi bonke, ekukhuleni kwengqondo nakwimpilontle yomntu ngokwasemoyeni (psychological well-being), ngako oko ke ziyacelwa izikolo ukuba zikhuthaze ukuqatshelwa kokuxabiseka kokufunda ngokuthi zithathe inxaxheba ngolangazelelo kwimisebenzi engokufunda ngolu Suku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela. |
3. |
Okuqhotyoshelwe apha luluhlu lweengcebiso oluqulunqwe ngabasebenzi bakwa-EDULIS (WCED Education Library and Information Services) lwezinto ezinokwenziwa zizikolo ukuqaphela olu Suku lweeNcwadi ngendlela enenzuzo neyonwabisayo. |
4. |
Izikolo zinokufumana iphowusta emibala-bala ebonisa umoya wokubhiyozela olu Suku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela neya kufumaneka ngenye yezi ndlela zilandelayo: |
4.1 |
Koonolayibrari abakumaziko eencwadi akwii-EMDC (Khangela kumhlathi 5 malunga nabantu onokuqhagamshelana nabo) |
4.2 |
KuBacebisi ngezeKharityhulam: IiLayibrari zeziKolo ezikwezi EMDC Metropole North (Jenny Caroto, ifoni: 021 938 3018) nakwi-Metropole East (Khosi Mabandla, ifoni 021 900 7014) |
4.3 |
KuMcebisi ngeze-Educational Media Technology kwi-EMDC Metropole Central (Peter Visagie, ifoni 021 659 4300 |
5. |
Izikolo zinokuqhagamshelana nomnye waba bantu balandelayo zicele ukubolekwa iqela leencwadi zokusetyenziswa ngolu Suku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela kuselithuba phambi kwalo mhla:
Amor du Toit EDULIS Library, Bellville 021 957 9618
Ntombi Mngxuma EMDC Metropole South: Brian O’Connell Resource Centre, Mitchells Plain 021 370 2084
Ina Heiberg EMDC West Coast/Winelands Resource Centre, Paarl 021 860 1229
Sam Webber EMDC South Cape/Karoo Resource Centre, George 044 803 8328
Ingrid Murray EMDC Breede River/Overberg Resource Centre, Worcester 023 348 4657
|
6. |
Makusetyenziswe kwakhona iincwadi ezinikwe iiklasi zesiGaba sesiSeko nesiGaba esiPhakathi ngokweProjekthi yeeNcwadi ezili-100. |
ISAYINWE: NGU-M.J. CHILES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:03:22
|