1. ISebe lezoBugcisa neNkcubeko, lisebenzisana ne-LIASA (Library and Information Association of South Africa - uMbutho weeLayibrari zaseMzantsi Afrika) libhengeze iveki esusela kowe-14 kuye kutsho kowe-18 Matshi 2005 ukuba ibe yiVeki yeeLayibrari zaseMzantsi Afrika. Ngale veki, uMzantsi Afrika uza kubhiyozela yaye ukhuthaze ukusetyenziswa kweenkonzo zeelayibrari nengcaciso ngokusebenzisa lo mxholo “IiLayibrari: ukuvulwa kweengcango zemfundo nenkcubeko kubantu bonke”. Lo mxholo uvela kwintetho yokubekwa kukaMongameli Thabo Mbeki ebutsheni bonyaka ka-2004 apho wenza isimemelelo sokuba kuvulwe iingcango zemfundo nenkcubeko kubantu bonke yaye ukwanxulumene neTshatha yamaLungelo eNkululeko eyakhutshwa kwimimyaka engama-50 edlulileyo.
2. Ngenxa yokuya kusanda ukubaluleka ngokukodwa kwendima edlalwa ziincwadi nezinye izixhobo zokufundisa (LTSM) kwinkqubo yemfundo ejolise kwiziphumo (OBE), kufuneka ootitshala bazi ngokufumaneka kweencwadi nezinye izixhobo zokufundisa zaselayibrari ukulungiselela le njongo. Njengenxalenye yalo mbhiyozo weVeki yeeLayibrari zaseMzantsi Afrika kunye nokukhuthazwa kosetyenziso lweenkonzo zeeLayibrari zeSebe leMfundo leNtshona Koloni, wena nootitshala bakho niyacelwa ukuba nenze amalungiselelo okuba nityelele kwilayibrari yakwa-EDULIS okanye kumaZiko eeNcwadi akwi-EMDC ngenjongo yokuba nijikeleziswe nisaziswa ngezi nkonzo nangeencwadi nezixhobo ezizodwa ezifumanekayo kwiilayibrari. Abo baza kundwendwela bengamaqela abanyanzelekanga ukuba beze ngeli thuba lisusela kumhla we-14 kuye kowe-18 Matshi, kodwa bangenza amalungiselelo okuza ngexesha elibalungeleyo.
3. Elona Ziko liKhulu leeNcwadi zeLayibrari yakwa-EDULIS eBellville namaZiko eeNcwadi akwezi-EMDC, eMitchells Plain, ePaarl, eGeorge naseVostile (Worcester), anezi ncwadi nezixhobo zokuncedisa ekufundeni zilandelayo nezifumaneka ngokubolekwa ngulowo nalowo titshala okanye zibolekwe ziliqela, seso sikolo nesikolo.
  • Ezemisebenzi enokwenziwa nabafundi nezinodla kakhulu zokuncedisa xa kusenziwa izicwangciso zezifundo (ubuninzi bazo zingafotokotshwa)

  • Iincwadi ezinokukunceda kwimiba yezekharityhulam

  • Iincwadi ezininzi ezisandula kupapashwa ezingezolawulo nezobunkokeli

  • Iincwadi zokuxhokonkxa iingcinga zokuncedisa kuphando lwezemfundo noqulunqo lomgaqo-nkqubo

  • Iincwadi ezingemiba ekhoyo ngoku etshis’ ibunzi, umz. imfundo ebandakanya wonke umfundi, iingxaki zokuqeqesha nokuziphatha, iyantlukwano neHIV/AIDS

  • Iincwadi ezijoliswe kubafundi ezihlelwe zaza zaphononongwa ngokukodwa ukwenzela ukuncedisa ootitshala ekukhetheni iincwadi zeelayibrari zezikolo zabo

  • Iividiyo neencwadi ezihamba neevidiyo/iikhasethi zerayido ezibandakanya izihloko ezininzi zokwandisa ulwazi nokuxhasa ukufunda nokufundisa kumagumbi okufundela

4. Ungaqhagamshelana naba bantu balandelayo ngokumalunga noku kulapha ngasentla:
Susan Hanekom    EDULIS Library, Bellville 021 957 9617
Ntombi Mngxuma   EMDC Metropole South Brian O’Connell 
                 Resource Centre, Mitchells Plain 021 370 2084
Ina Heiberg      EMDC West Coast/Winelands Resource Centre, 
                 Paarl 021 860 1229
Sam Webber       EMDC South Cape/Karoo Resource Centre, 
                 George 044 803 8328
Ingrid Murray    EMDC Breede River/Overberg Resource Centre, 
                 Worcester 023 348 4657


ISAYINWE: NGU-M.J. CHILES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:03:02