1. Okuqhotyoshelwe apha ngamaxwebhu okudluliswa kwamagunya athweswe iGosa eliMele uKuphendula ngeMicimbi yeMali (Accounting Officer) ngokweSiqendu 44 soMthetho woLawulo lweMali kaRhulumente, ka-1999 (njengoko ufakelwe izilungiso nguMthetho 29 ka-1999) (Section 44 of the Public Finance Management Act, 1999 (as amended by Act 29 of 1999)).
2. La maxwebhu okudluliswa kwamagunya aqala ukusebenza ngoko nangoko yaye mabaziswe ngawo bonke abachaphazelekayo ukuze bawathathele ingqalelo.
3. UMyalelo ongoLawulo lweMali yezeMfundo 5/2003 (Education Finance Instruction 5/2003), womhla we-27 Matshi 2003, ngokwenjenje ufakelwa izilungiso.
4. Apho kuthethwa “ngenkqubo yetyathanga lokuthengwa kwempahla ligosa elimele ukuphendula ngemicimbi yemali kolu xwebhu lokugqithiswa kwamagunya olawulo lwemali”, nceda ukhangele kolu xwebhu Delegations of the Accounting Officer’s Supply Chain Management System, nolungemicimbi enxulumene nentengo yeempahla kunye neenkonzo. Olu xwebhu lugqitywa kukhankanywa luyafumaneka kwiCandelo lamaLungiselelo oKwenziwa kweeNkonzo (Directorate: Logistical Services).
5. Ngenxa yobukhulu bala maxwebhu okudluliswa kwamagunya olawulo lwemali, kuya kuthunyelwa abhalwe ngesiNgesi kuphela.


ISAYINWE: NGU-EI MEYER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:09:29

Instructions and Delegations of Powers  (ubukhulu: 209 KB)