1. Kufunyenwe ukuba, ngaphandle kwemvumelwano yesiqhelo nokuphela kwenkonzo apho iye imihla yokugqibela ibalwe ngekhompyutha kwangaphambili, kukho ezinye iintlobo zokuphela kwenkonzo ezenzekayo ezinjengokubhubha, ukunyamalala emsebenzini nemihla yokuphelisa inkonzo kwangaphambili, apho ke kuye kungakwazeki ukulungiswa kwemivuzo okanye ukumiswa kwentlawulo ngoko nangoko.
2. Iziphumo zoku kukuba iyaqhubeka ihlawulwe loo mivuzo iyimposiso kungafanelekanga kude kube kufakwe umhla wokugqibela kwinkqubo yentlawulo yemivuzo ukususela emva ukuqala kwemposiso. Le ntlawulo yemivuzo engaphezulu ibangela ityala eliba ngumthwalo weSebe.
3. Njengesisombululo, bayacelwa abo banegunya lokulawula iipheyipoyinti (paypoints) ukuba banike ingxelo ngokukhawuleza, kwakuba nje kusaziwa uhlobo nomhla wokuphela kwenkonzo, iCandelo leeNkonzo zoCwangciso-Mali (Directorate Accounting Services) ngefeksi okanye nge-imeyili ukuze kuthintelwe iintlawulo ezingaphezulu ezinokuthi zenzeke.
4. Ezi ngxelo zikhankanywe apha ngentla mazithunyelwe ukuze ziqwalaselwe nguNksk A Smit, ifeksi (021) 461 3656 okanye idilesi ye-imeyili: Avsmit@pgwc.gov.za
5. Le nkqubo iqala ukusebenza ngomhla woku-1 Oktoba 2005 kodwa ayiyithathi indawo yokusayinwa okwenziwa ngabamkelisi kuluhlu lwabahlawulwayo (certified payroll) olungqinisisiweyo.
6. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU-JJL VIVIERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:10:05