1. Yamkela nazo izatifikethi zenu oo-IRP 5 / IT 3(a) bonyaka werhafu u-2004/2005.
2. Zonke izatifikethi mazinikwe abasebenzi abaqeshiweyo njengangoku. Nceda qinisekisa ukuba izatifikethi ezishiyekileyo zithunyelwa kwiipheyipoyinti zabo ezichanekileyo okanye kwiidilesi zasekhaya ngokukhawuleza, okanye zibuyiselwa kule ofisi kunye neleta enika inkcazo (covering letter).
3. Uxwebhu oluneenkcukacha (control sheet) oluqhotyeshelweyo malunqginwe ukubonisa ukuba zifunyenwe yaye malubuyisele ngokukhawuleza kule dilesi ilandelayo ngeenjongo zokugcina iirekhodi:
Head: Education
Western Cape Education Department
Tax Section (7th Floor)
Private Bag x9114
CAPE TOWN
8000
4. Njengoko icandelo lerhafu leli Sebe lidla ngokuxinwa zizicelo zokunikwa izatifikethi IRP5 eziyidyuplikheyithi, oko kubonisa ukuba abanye abasebenzi abazithathi njengezibalulekileyo izatifikethi zabo zentsusa (original certificate).
4.1 Ngako oko ke bayacelwa abasebenzi ukuba babe nenkathalo ngakumbi yaye bazigcine izatifikethi zabo kwindawo ekhuselekileyo ukwenzela ukunciphisa ukukhutshwa kwezatifikethi IRP5 eziyidyuplikheyithi.
4.2 Nakuba kwixesha elidlulileyo izatifikethi IRP5 eziyidyuplikethi bezikhutshwa zenziwe ngesandla, nebelidla ngokuba lifutshane ithuba lokulizilidela, ngoku ezi zatifikethi ziyidyuplikethi zikhutshwa ngokwenkqubo yePesali (Persal system) yaye zishicilelwe kanye ngeveki.
4.3 Kwixesha elizayo sisicelo esibhaliweyo kuphela esicela isatifikethi IRP5 esiyidyuplikheyithi esiya kwamkelwa yaye isicelo esilolu hlobo masikhatshwe yingxelo efungelweyo (affidavit) engqina ukulahleka kwesafikethi sentsusa (original certificate).
4.4 Njengangoku eli candelo lerhafu lisakhangela ukuba alinako na ukuwisa umrhumo wokuhlawulela ukukhutshwa kweezatifikethi IRP5 eziyidyuplikethi.
5. Kulo nyaka umhla wokuvalwa kokwamkelwa kweengxelo zerhafu (tax returns) ngabeNkonzo yeNgeniso yeRhafu yaseMzantsi Afrika (South African Revenue Service) ngowe-08 Julayi 2005. Kwiimeko apho umntu afuna ukwandiselwa ixesha, luxanduva lomnini-satifikethi ukucela oko kwandiselwa ixesha kuMamkeli weRhafu (Receiver of Revenue).
6. Kucelwa uqinisekise ukuba okubhalwe kule setyhula kuthathelwa ingqalalelo ngabo bonke abasebenzi abalapho.

Enkosi ngentsebenziswano yakho.



ISAYINWE: NGU-J.J.L. VIVIERS
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:12:05


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).