1. Enkosi ngeenzame zakho nokuzidina ukuza kuthi ga ngoku ukuze kube nokusekwa le Sistim yoLawulo lweNgcaciso yezeMfundo oluNdawonye (Central Education Management Information System (CEMIS). Igalelo lakho lixabiseke kakhulu.
2. Njengoko kwakutshiwo kwimiboniso yasesidlangalaleni (roadshows), i-CEMIS iza kuthi ifake kwakhona nedatha engabo bonke abasebenzi abaqeshwe ezikolweni. Iifom eziqhotyoshelwe kule ngcaciso imfutshane ziya kusetyenziselwa ukuqokelela idatha yabo bonke abaqeshwa abahlawulwa ngurhulumente nabaqeshwa abahlawulwa libhunga lolawulo lesikolo (SGB). Ukuba isikolo sakho besinikwe iifom ezingaphezu kwama-60, umelwe kukufumana iimvulophu ezimbini ezinezo fom. Ilebhile yesibini esemvulophini iya kubonisa ukuba zingaphi iimvulophu omelwe kukuzifumana.
3. Kwale fom inye iya kusetyenziselwa ukurekhoda idatha yabo bonke abasebenzi.
3.1 Kwahlulwe ngokucace gca, kwiphepha lokuqala lefom, phakathi kwabaqeshwa abahlawulwa ngurhulumente nabahlawulwa yi-SGB. Nceda uqinisekise ukuba kutikishwa ibloko efanelekileyo.
3.2 Iphepha lokuqala lefom liya kubonisa ngokucace gca igama lomntu nesithuba eso aqeshwe kuso, umz. inqununu, utitshala, umabhalane, umgcini-sikolo, igosa elilawula iimali, umcoci, umqhubi, isayikholojisti, igosa elisingethe izenzo zokudojwa kwesikolo ngabafundi (truancy officer), umsebenzi wasegadini, njl. njl.
3.3 Iindawo ezithile zefom zisenokusetyenziswa kuphela ngabaqeshwa bezikolo ezithile. Nceda uqinisekise ukuba onke amacandelo azaliswe ngokupheleleyo ukulungiselela loo mqeshwa uthile.
3.4 Bonke ootitshala, oomabhalane, abacoci, abasebenzi abaqeqeshelwe imisebenzi ethile kunye nabasebenzi abancedisayo abaqeshwe kwisikolo eso mabazalise le fom.
4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zikhuphele umqeshwa ngamnye ifom zize zigcine irekhodi esayiniweyo ebonisa umhla ezikhutshwe ngawo kunye nemihla eziye zabuyiswa ngayo iifom ezo. Abaqeshwa bezikolo baya kucelwa ukuba babuyisele iifom ezizalisiweyo nezisayiniweyo kwinqununu zingadlulanga iintsuku ezisixhenxe.
5. Umqeshi nenqununu bafanele ukuba basayine ifom ezaliswe zonke iinkcukacha.
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqhoboshele uluhlu olupheleleyo lwabo bonke abasebenzi kwiifom eziza kunikwa umboneleli-nkonzo. Inani leefom eziza kunikwa umboneleli-nkonzo maliboniswe. Iqhotyoshelwe apha isampula yoluhlu lwabasebenzi.
7. Xa iifom ezizalisiweyo zilungele ukuqokelelwa, inqununu mayiqhagamshelane nommeli wengingqi ongumboneleli-nkonzo ye-CEMIS, wequmrhu iDeloitte and SAB&T consortium. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ngokuba zonke iifom ezizalisiweyo zibuyiselwa kumboneleli-nkonzo ungadlulanga owe-21 Oktobha 2005.
8. Umboneleli-nkonzo uya kufaka okukwifom leyo kwikhompyutha aze anike idatha leyo ekwikhompyutha kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni. Izikolo ziya kuba nokuyifumana idatha yesikolo ngekhompyutha ngo-2006.
9. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo enxulumene nokuzaliswa kwezi fom, nceda uqhagamshelane nommeli wengingqi yakho we-CEMIS, kwinombolo engahlawulelwayo ye-CEMIS engu-0800 204 800 okanye ku-A Noordien apha (021) 467 2289.
10. Sibulela bonke abathathi-nxaxheba kusekwangoku nje ngentsebenziswano noncedo lwabo ekuvelisweni kwale nkqubo yezolawulo.


ISAYINWE: NGU-P PRESENT
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:10:03

Iiform  (ubukhulu: 15 KB)