1. Ukwenzela ukuba le ofisi ibe nako ukuqhagamshelana nawe ngethuba leeholide zezikolo zikaDisemba, ukulungiselela nayiphi na imeko engxamisekileyo enokuthi ivele ngokunxulumene neemviwo zeMatriki, kuya kuthakazelelwa kakhulu ukuba ungazalisa esi sihlomelo siqhotyoshelweyo ube sele usithumela kule ofisi phambi kowe-6 Disemba 2005.
2. Nceda uqaphele ukuba esi sicelo seedilesi ngexesha leeholide sahlukile kweso sikhankanywe kwiSetyhula 0063/2005 yomhla we-19 Oktobha 2005 engokumalunga nokuya kuthatha iziphumo kwii-EMDC.
3. Uyabongozwa ukuba uncede uthumele okanye ufeksele esi sihlomelo siqhotyoshelweyo kule dilesi ilandelayo:
THE HEAD
WESTERN CAPE EDUCATION DEPARTMENT
FOR ATTENTION: MR S. ADAMS
DIRECTORATE: EXAMINATIONS
PRIVATE BAG X9114
CAPE TOWN
8000
INOMBOLO YEFEKSI: 021 461 5637


ISAYINWE: NGU-C. BIRTLES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:11:29

Isihlomelo  (ubukhulu: 11 KB)