Ukulungiselela injongo yokuvelisa amaphepha emibuzo yoviwo akumgangatho ophezulu nokuqinisekisa ukulungela ukuphunyezwa ngakumbi kweMfundo eJolise kwiZiphumo (Outcomes-Based Education) kwicandelo leMfundo noQeqesho oluQhebelekayo (Further Education andTraining (FET), iSebe leMfundo licela ukuba kufakwe izicelo zokuqeshwa kwizithuba zabavavanyi nezeemodareyitha kwezo zifundo zivavanywa kuzwelonke.

Kulindelwe izicelo ezivela kwiingcali zezifundo nootitshala (subject specialist/ educators) abanemfundo evunyiweyo yeminyaka emi-3 emva kwematriki, nekufuneka ibandakanye isifundo esichaphazelekayo njengesifundo esenziwe kunyaka wesithathu wokufundwa kwaso, esongezelelwe ubuncinane yiminyaka emi-2 yamava okusifundisa kwinqanaba leMatriki kule minyaka mi-5 idlulileyo. Ukuba nolwazi olubanzi nolunzulu ngeeprogram zokufundisa neenkqubo zovavanyo kwizikolo zeFET, kwakunye namava okuseta amaphepha emibuzo eMatriki nokumakisha iimpendulo zemibuzo yamaphepha eMatriki kunye nokuqhelana neNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement) kuya kuba luncedo ngakumbi kwabo benza izicelo. Kufuneka abavavanyi neemodareyitha ezisebenza kwigqiza labavavanyi likazwelonke bazazi izinto eziqhubekayo ngoku neenkqubo zakutshanje ezikhokelela kwiSatifikethi seMfundo noQeqesho oluQhubelekayo esitsha esilungiselelwa izikolo ngo-2006.

Abenzi-sicelo abaye baphumelela baya kufuneka bamane besiya ePitoli amaxesha ngamaxesha ukwenzela ukuba benze imisebenzi yabo. Kuya kufuneka ukuba basayine imvumelwano yeminyaka emi-2 nesivumo sokugcina okuyimfihlo.

Nceda ubhale isifundo owenza isicelo kuso uze utsho kwakhona ukuba isicelo eso sesokuba ngumvavanyi okanye sesokuba yimodareyitha na.

Umhla wokuvala: 23 Novemba 2005
Imibuzo:        Mnu S.N.P. Sishi
Ifoni:          012 312 5717

ISebe leMfundo lizimisele ukubonelela ngamathuba alinganayo nokuthi xa kuqeshwayo kuqwalaselwe abo babevinjwe amathuba kwixa langaphambili.

Izicelo mazingeniswe ngefom engu-Z83, efumaneka nakweliphi na iSebe leNkonzo kaRhulumente, kwaye mazikhatshwe yisivi (CV) neekopi eziqinisekisiweyo zamabanga eMfundo aphunyelelweyo.

Izicelo, ekubhalwe kuzo inombolo yesalathiso efanelekileyo, mazingeniswe kulo: The Director-General, Department of Education, Private Bag X110, Pretoria, 0001, ze zibhalwe ukuba ziqwalaselwe ngulo: Chief Directorate: Measurement, Assessment and Public Examinations.



ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:11:17