1. Ukwenzela ukuba iinqununu zibe nako ukwenza amalungiselelo ayimfuneko okuba zize kuthatha iziphumo zeemviwo zize zizitshekishe, kunikwa le mihla kujoliswe kuyo ilandelayo kunye nengcaciso echaphazelekayo. Kucelwa niqaphele ukuba le mihla kujoliswe kuyo kwanamaxesha anikiweyo zezokubambisa nje okwethutyana ngako oko ke zisenokutshitshwa kunye nokuba naluphi na utshintsho lwala malungiselelo luya kupapashwa kumaphepha-ndaba. Ii-EMDC ziya kwaziswa ngokupheleleyo ngazo naziphi na iinguqulelo ezenziweyo.
1.1

Lwesine 29 Disemba 2005 ngo-08:00 Iinqununu zingaziphuthuma iziphumo kwii-EMDC.
(QAPHELA: Kungabi ngaphambi ko-08:00)

1.2 Iinqununu zinikwa iiyure ezi-4 zokutshekisha iziphumo zikhangele ukuba akukho naziphi na iimpazamo ezicacileyo.
1.3

Lwesine 29 Disemba 2005 ngo-12:00 Izikolo zingabanika abafundi bazo iziphumo.
QAPHELA: AKUKHO ziphumo mazaziwe ngabafundi kwaye KUNGEKHO ngcaciso emalunga noku emayinikwe abamaphepha-ndaba phambi ko-12:00.

1.4 Lwesine 29 Disemba 2005 ngo-09:00 UMphathiswa wePhondo ukhupha iziphumo.
1.5 Lwesine 29 Disemba 2005 ngo-12:00 UMphathiswa weMfundo kwiZwelonke ukhupha iziphumo zezwelonke
1.6 Lwesihlanu 30 Disemba 2005 ngo-06:00 Iziphumo zipapashwa kumaphepha-ndaba nakwiziko lewebhu le-WCED
1.7 Lwesine 5 Januwari 2006 ngo-12:00 Iziphumo ezingathathwanga kwii-EMDC ziya kuposelwa ezikolweni.
2. Njengoko kunyanzelekile ukuba onke amaqela alandele ngqo la malungiselelo, ibaluleke kakhulu intsebenziswano yenu ngokumalunga noku.
3. Ziya kufumaneka kwakhona iziphumo zeMatriki kweli ziko lewebhu lilandelayo: http://wced.wcape.gov.za.
Kufuneka abaviwa bafake kwikhompyutha iinombolo zabo zoviwo kunye neenombolo zezazisi zabo.
4. Malaziswe iSebe leMfundo ngamalungiselelo izikolo ezingathanda ukuwenza ngokumalunga nokuza kuthatha iziphumo. Ngako oko ke ziyacelwa iinqununu ukuba zizalise le fom iqhotyoshelweyo zize ziyithumele kuMlawuli we-EMDC yazo ungadlulanga owe-28 Oktobha 2005. Ezi nkcukacha ziya kusetyenziswa kwakhona xa kuqhagamshelwana neenqununu ezizakumenywa kwitheko lokunikezela amabhaso abo bagqwesileyo.
5. Abamajelo eendaba baya kunikwa le ngcaciso ilandelayo:
  • Amagama neenombolo zoviwo zabaviwa abapasileyo, ngokwesikolo ngasinye nangokwesithili ngasinye. Kusetyenziswa ezi simboli zilandelayo: E - Endorsement; M - Endorsement (Merit); D - Endorsement (Distinction); S - Senior Certificate; N - Senior Certificate (Merit); P - Senior Certificate (Distinction). Izifundo abaviwa abazipase emagqabini nazo ziya kuboniswa (ngeesimboli A).

  • Amagama abafundi abagqwesileyo abafumene iNkwekhwezi (Distinction) (ngamanqaku ewonke angama-1680 okanye nangaphezulu) okanye abapase kakuhle kakhulu (ngamanqaku ewonke aphakathi kwama-1260 nama-1679)

  • Igama lomviwa ngamnye oyinjinga kwisikolo sakhe

  • Amagama abafundi abathathu abaziinjinga (abafumene ubuncinane ama-80%) kwisifundo ngasinye kuHlelo lweHigher Grade nolweStandard Grade

6. Njengoko kubaluleke gqitha ukuba abaviwa abangalupasanga uviwo banikwe uncedo lokubaxhasa ngokwasemoyeni, intuthuzelo nengcebiso, mabaxelelwe bonke abaviwa phambi kokuqala koviwo lokugqibela ukuba kukho inkonzo elolu hlobo efumanekayo. Le ntuthuzelo nengcebiso inokunikwa esikolweni xa abafundi benikwa iziphumo zabo, okanye, apho kunokwenzeka, kwi-EMDC echaphazelekayo apho kuya kubakho abantu bokwenjenjalo. Ukuba inqununu imthumela umviwa kwi-EMDC, mayimnike umviwa lowo inombolo yefoni nedilesi ye-EMDC leyo. Kwangokunjalo inqununu nayo mayinike i-EMDC iinkcukacha zomviwa. Iinqununu maziyithathele ingqalelo into yokuba, kuye kuthi abo kufanele kanye ukuba banikwe ngakumbi le ntuthuzelo nengcebiso ibe ngabo kanye abangayifuniyo, ngako oko ke mazisoloko zithe qwa zijonge iimvakalelo zabaviwa ekuye akwaphumelela oko bebekulindele.


ISAYINWE: NGU-B.K. SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:10:19

Ifom: Ukuthathwa Kweziphumo Zoviwo  (ubukhulu: 7 KB)