1. Apha kule ngcaciso imfutshane kuqhotyoshelwe ii-mark sheets zekhompyutha zokufaka amanqaku eBakala 9 kwinkalo nganye yesifundo. Ziyacelwa iinqununu ukuba zizalise ezi mark sheet ukwenzela ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni (i-WCED) libe nako ukugqithisela le datha kwiSebe leMfundo kuzwelonke kwangethuba .
2. Ii-mark sheet ekufuneka zizalisiwe kwinkalo yesifundo nganye, zinendawo yokufaka amanqaku kumacandelo omabini enkalo yesifundo. Ngoko ke amanqaku azo zombini ezi mvavanyo, uvavanyo oluyi-CASS (Continuous Assessment) olumananqaku ayi-75 novavanyo oluyi-Common Tasks for Assessment (CTA) olunamanqaku ayi-25 kwinkalo yesifundo nganye, aya kufakwa kwakule mark sheet inye. Nceda uqaphele ukuba ii-mark sheet zibhalwe macala omabini.
3. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede ziqinisekise ukuba bonke abafundi babhalisiwe kwakunye nokuba iinkcukacha zabo zichanekile.
3.1 Ukuba igama lomfundi aliveli kwi-mark sheet, igama malingafakwa kwi-mark sheet, njengoko lingayi kuskeneka. Isikolo masilungise amanqaku omfundi size singenise iinkcukacha zomfundi namanqaku kwiphepha elisecaleni.
3.2 Ukuba azichanekanga iinkcukacha zaye nawuphi na umfundi, oku makuboniswe kwiphepha elisecaleni kungenziwa lutshintsho kwi-mark sheet.
4. Kubaluleke kakhulu ukuba amanqaku afakwe kwi-CASS omfundi ngamnye abe ngamanqaku amodareyithiweyo. Imisebenzi eyenza ii-CTAs sele ibekwe emgangathweni yaza yamodareyithwa: ngako oko ke xa imakishwayo, ootitshala mabathi mbo balandele imemorandam ngqo bangaphumi nakancinane kuyo.
5. Kucelwa niqaphele ukuba ukufakwa kwenqaku lecandelo elinye kufuna kukhuhlwe iilozenji ezimbini kwi-mark sheet. Umzekelo, ukuba umfundi ufumene amanqaku angama-47 kwicandelo le-CASS lenkalo yesifundo, kuya kufuneka kukhuhlwe zombini ezo lozenji, engaphantsi ko-40 kumgca ongentla kwibloko ka-CASS nelozenji engaphantsi ko-7 kumgca ongezantsi. Ukuba umfundi ufumene amanqaku angaphantsi ko-10 nokuba kukweliphi na icandelo, kuya kufuneka kukhuhlwe ilozenji engaphantsi ko-0 kumgca ongentla nelozenji engezantsi kwamanqaku afanelekileyo kumgca ongezantsi.
6. Kwafunyanwa ezi ngxaki zilandelayo xa kwakuskenwa ii-mark sheet zika-2002 no-2003:
6.1 Kwakukhuhlwe ngaphezu kwelozenji enye kumgca othile.
6.2 Ootitshala bahlaba amanqaku, batshintsha amagama nedatha, banombola ii-mark sheet baza babeka isitampu sesikolo kanye phezu kwebhakhowudi.
6.3 Endaweni yokukhuhla ilozenji, ootitshala basuka bakrwela nje umgcana okanye umgca omncinane kakhulu kwilozenji, nongazange ubonwe siskena.
6.4 Apho abafundi babengekho (A)- (absent), bekhutshiwe ezincwadini (D)- (deregistered) okanye betshintshele kwezinye izikolo (T)–(transferred), ezi nkcukacha azizange ziboniswe kwi-mark sheet.
6.5 Amanqaku afunyenwe kwi-CTA nakwi-CASS adityaniswa yaza itotali yawo yaboniswa kwigridi yamanqaku, nto leyo eyabangela ukuba ii-mark sheet zikhatywe (rejected) njengoko kwakugqithiwe kwelona nani likhulu lamanqaku (maximum mark).
7. Makulandelwe ngqo le miyalelo ilandelayo xa kuzaliswa ezi fom:
7.1 Mazingasongwa ii-mark sheet
7.2 Mazingadityaniswa ngesteyipla okanye zidityaniswe kunye ii-mark sheet.
7.3 Mazingafakwa eplastikini okanye kwizingxotyana zeplastiki ii-mark sheet.
7.4 Makungabikho mingxunya igqojozwayo kwii-mark sheet.
7.5 Makungasetyenziswa glu kwii-mark sheet.
7.6 Musa ukugximfiza ii-mark sheet ngesitampu sesikolo.
7.7 MUSA ukusebenzisa i-inki ebomvu xa ufaka amanqaku. Sebenzisa ipeni emnyama okanye eblowu.
7.8 Sebenzisa ipensile eyi-HB okanye ebhala mnyama kuphela ukukhuhla ilozenji kwigridi yamanqaku.
7.9 Makungaze nakanye kusetyenziswe iikopi ezifotokotshiweyo zee-mark sheet okanye ii-mark sheet ezindala.
7.10 Musa ukufakela amagama abafundi kwii-mark sheet.
8. Ukuba kuye akwabikho manqaku omfundi kwinkalo yesifundo okanye kwicandelo lenkalo yesifundo, nceda qaphela oku kulandelayo:
8.1 Isizathu sokungabhalwa kwamanqaku masiboniswe ngokukhuhlwa kwelozenji echaphazelekayo kwi-mark sheet:
"A" kumfundi obengekho (absent learner)
"D" kumfundi okhutshiweyo ezincwadini ("deregistered" learner) 
"T“ kumfundi otshintshele kwesinye isikolo (transferred learner)
8.2 Ukuba umfundi ebengekho ngenxa yokugula, makungeniswe incwadi kagqirha esemthethweni ukuze kusetyenziswe amanqaku omfundi e-CASS njengamanqaku okugqibela.
9. Ii-mark sheets ezizaliswe zonke iinkcukacha mazingeniswe ngoLwesihlanu we-2 Disemba 2005
ngokuposelwa kulo: 
The Head: Education
Western Cape Education Department
For attention: Mr L. Samuels
Directorate: Examinations (GETC)
Private Bag X9114
Cape Town
8000 

okanye ngokusetyenziswa kwenkonzo yeKhuriya uSKYNET Courier Services, kule nombolo 021 531 9191, kubhalwe le dilesi: For attention: Mr L. Samuels Western Cape Education Department Directorate: Examinations (GETC) Room 417, 4th floor Lower Parliament Street Cape Town 8001
10. Njengoko inkqubo yokufakwa kwedatha kwikhompyutha ixhomekeke ngokupheleleyo ekubeni ii-mark sheet zichaneke kangange-100%, siya kuyivuyela intsebenziswano yenu malunga nalo mba.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:10:03


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).