1. Ngokwezi setyhula: 0137/2002 ne 0193/2003, inqununu yesikolo iliGosa eliyiNtloko loViwo kwaye ngoko ke ifanele ukuba ibenoxanduva lwenkqubo yoviwo esikolweni.
2. Nakuba kungalindelekanga ukuba ukubhalwa kwephepha loviwo lweMatriki okanye kwephepha loviwo lwe-ABET kwiNqanaba 4 kungaphazamiseka, kubaluleke gqitha ukuba kubekho izicwangciso zokuqulela okungenzeka ukuba kuthi kuvele imeko kaxaxeka. Njengoko iSebe leMfundo leNtshona Koloni lizikhathaza ngokhuseleko lomntu ngamnye ophantsi kweliso lalo, liye laqulunqa la manyathelo alandelayo ukwenzela ukunciphisa isiphumo sako nakuphi na ukukhutshwa ngobungxamo kwisakhiwo okubangelwe kukuvela kwemeko kaxaxeka. Kubaluleke gqitha ukuba onke amaziko alungiselela abaviwa ezi mviwo asebenzise amanyathelo afanayo.
3. Njengoko iintlobo zemeko kaxakeka zinokwahluka apha naphaya, la manyathelo alandelayo ajolise ekufikeleleni kuzo zonke iimeko. Nakuba kunjalo, mayigxininiswe into yokuba imeko enyanzelisa ukuba kuphunywe ngobungxamo kwindawo ekubhalelwa kuyo iimviwo ineziphumo ezingababeka engxakini enkulu abaviwa.
4. Ukuba ukuphuma ngobungxamo kwigumbi lokubhalela uviwo kungayinto eyimfuneko, oku kungenziwa kuphela ngenjongo yokulungiselela abaviwa ukuba
  • bakhutshwe ngobungxamo kwigumbi leemviwo phantsi kweemeko ezilawulwa yengqongqo yona imiqathango (funda u-5 apha ngasezantsi) emayilandelwe mbo njengoko injalo ukuze UMALUSI akwazi ukucinga ngokuvumela uviwo olubhalwe ngabaviwa ukuba lumakishwe, okanye

  • babhale elinye iphepha elimodareyithwe ngokupheleleyo ekupheleni kwethuba lokubhalwa kweemviwo ukuba kunokwenziwa amalungiselelo oku, okanye

  • babhale iimviwo zokuxabangela (supplementary examination) kwisifundo eso ngoFebruwari okanye ngoMatshi (kuviwo lweMatriki kuphela).

5. Njengoko ezi meko zimbini zokugqibela izezona kunganqwenelekiyo ukuba zenzeke, izikolo maziqaphele oku kulandelayo ngokumalunga nemeko yokuqala:
5.1 Ukuba kuvela imeko kaxakeka phambi kokuba abaviwa baqale ukubhala, mabangaze bavunyelwe bangene kwindawo yokubhalela (kwiindawo zokubhalela) iimviwo bengakhange bayalelwe ukuba benjenjalo. Nakuba kunjalo, mabagcinwe bodwa bangadibani namanye amaqela yaye basoloko begadiwe.
5.2 Ukuba imeko kaxakeka ivela ngexa abaviwa bebhala, kuze kucace ukuba kufuneka kuphunywe ngobungxamo egumbini lokubhalela uviwo, kufuneka abaviwa
  • baxelelwe ukuba bashiye zonke iincwadi zokubhalela zivaliwe phezu kweedesika zabo

  • bakhutshwe kwigumbi ngalinye ngexesha, besoko bephantsi kweliso lomgadi (labagadi) olawula elo gumbi kunye nomgadi oyintloko, naphantsi kolawulo lwenqununu njengeyongameleyo. Kungasetyenziswa abanye ootitshala (ingengabo abo kubhalwa izifundo zabo) ekugadeni abaviwa.

  • bangathethi okanye banxibelelane nabanye ngayo nangayiphi na indlela

  • bangabi nazincwadi okanye maphepha kubo

  • bangabi naziselula kubo

  • bahlale bethe cwaka kwindawo efanelekileyo kumhlaba wesikolo bebekwe ngokwahlukeneyo omnye komnye ukuze kungabikho nxibelelwano luqhubekayo phakathi kwabo

  • babuyele ngenzolo bethe cwaka kwigumbi leemviwo xa benikwe imvume yokwenjenjalo baze baqhubeke nokubhala besusela apho bebeyeke khona, baze

  • ekubuyeni kwabo, banikwe elo xesha lisaleleyo kwelo belimiselwe ukuze bagqibe ukubhala uviwo, o.k.t. ixesha lilonke elabelwe iphepha elo, kophulwe ixesha abalisebenzise ekubhaleni phambi kokukhutshwa ngobungxamo.

5.3 Inqununu, umgadi oyintloko kunye nabanye abagadi mabagade abaviwa ngalo lonke ixesha yaye ngamnye umgadi wabaviwa unoxanduva lokusoloko egade iqela labaviwa bakhe. Umphathi wesekethe makaqinisekise ukuba alandelwe onke amanyathelo yaye makayijonge yonke imeko ngeliso elibukhali ukususela kwixesha afike ngalo kweso sikolo.
5.4 Ukungaphumeleli ukulandela mbo amanyathelo okukhutshwa ngobungxamo njengoko enjalo kuya kuchaphazela ukuthembeka kolo viwo njengolungenachaphaza. Kuya kuthi ke ngoko kucingwe ngokulandela ezinye iimeko ezimbini ezichaziweyo nezineziphumo ezingathandekiyo nezingababeka engxakini enkulu abaviwa.
5.5 Umphathi wesekethe okanye uMlawuli we-EMDC makaxelelwe ngoko nangoko.
5.6 Umphathi wesekethe uya kuzama ukuya kweso sikolo ngoko nangoko ukwenzela ukuba akwazi ukungqina ukulandelwa kwamanyathelo lawo kwingxelo yakhe.
5.7 Makungeniswe ingxelo ezeleleyo kuMlawuli woPhuhliso lwezeKharityhulam kwangaloo mini kukhutshwe ngobungxamo abaviwa kwisakhiwo. Le ngxelo mayenziwe ngumphathi wesekethe kwaye mayibe neengxelo ezivela kwinqununu, kumgadi oyintloko, nakwabanye abagadi babaviwa. Uya kuthi emva koko uMlawuli woPhuhliso lwezeKharityhulam, azise UMALUSI ngokumalunga nokuqhubekileyo. Kuyathenjwa ukuba isikolo eso siya kwaziswa kwiintsuku ezintathu ngeziphumo zokukhutshwa ngobungxamo kwabaviwa kwigumbi lokubhalela iimviwo.
6. Iinqununu mazazise abaviwa ngezicwangciso zesikolo ezenziweyo zokuqulela okungenzeka ukuba kuthi kuvele imeko efuna kukhutshwe ngobungxamo abaviwa kwanangeziphumo ezingathandekiyo ezingababeka engxakini kakhulu abaviwa ukuba oko kukhutshwa ngobungxamo akwenziwanga ngendlela eyiyo.
7. Iinqununu mazibe nendawo eyenye esele ziyibonile enokusetyenziswa njengendawo (njengeendawo) ekuya kubhalelwa kuyo imviwo xa kuvele imeko kaxakeka.
8. Kwimeko engalindelekanga yokuba uviwo lukazwelonke okanye lwephondo lubhalwe ngokutsha, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kwazisa ngoko nangoko zonke iinqununu. Kungafuneka elo phepha loviwo mhlawumbi libhalwe lungadlulanga usuku okanye iintsuku ezimbini zephepha loviwo lokugqibela ngokwethayimthebhile, o.k.t. emva kwe-23 Novemba 2005.
9. Nakuphi na ukuphazamiseka kwenkqubo yoviwo okanye ukuqhaqhwa kwamaphepha emibuzo angengawo abhalwayo kufuneka kuxelwe kwiGosa leZitenxo eliyiNtloko (Chief Irregularity Officer) okanye kumaGosa eZitenxo (Irregularity Officers) eSebe leMfundo leNtshona Koloni ngoko nangoko.
Chief Irregularity Officer: Ms J Rault-Smith 021 467 2622
                                             082 448 1801
Irregularity Officers:      Mr T Magwaca     021 467 2626
                            Mr V Deacon      021 467 2336


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:09:22