1. Le ngcaciso emfutshane mayifundwe kunye neSetyhula 0027/2004, emalunga nokubekwa mgangathweni mnye (standardisation), izibheno nokwenziwa kwezatifikethi zeNqanaba 4 leMfundo yaBadala.
2. UMgaqo-nkqubo kazwelonke, njengoko ucacisiwe kolu xwebhu lomgaqo-nkqubo, National Policy on the conduct of ABET Level 4 Examinations, nowanikwa amaziko emfundo yabadala karhulumente ngo-2002, ubonelela ngokunikwa iSatifikethi seGET komviwa ofaneleyo ukufumana isatifikethi esidibanisa izifundo zeminyaka ngeminyaka (combined certificate).
3. NgokoMhlathi 4.5 wale Setyhula 0027/2004, abaphathi bamaziko kufuneka bagcine iirekhodi zabo bonke abafundi abaye babhala iimviwo zenqanaba le-ABET ukususela kuNovemba 2001 baze bafake izicelo zabo kwiCandelo leeMviwo (Directorate: Examinations) ukuze bafumane iSatifikethi seGET esidibanisa izifundo zeminyaka ngeminyaka xa umviwa eyanelisa imiqathango yesiqiniseko eso.
4. Kwixesha elizayo, zonke izicelo zokukhutshwa kweSatifikethi seGET esidibanisa izifundo zeminyaka ngeminyaka mazingeniswe kwiSebe leMfundo kwifom yesicelo eqhotyoshelweyo (iSihlomelo A), kwakunye nentlawulo emiselweyo eyi-R18.00.
5. Kucela wazise bonke abaviwa ababhalisele okanye abaneenjongo zokubhalisela iinkalo zezifundo eziza kwenza bafumane iSatifikethi seGET seMfundo yaBadala (ABET GET Certificate) okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:06:20

Annexure A: Application form  (ubukhulu: 37 KB)