1. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye neNgcaciso yeCandelo leeMviwo 71/2003, esingethe umbandela wokudityaniswa kwezifundo ze-N3 nezifundo zeMatriki.
2. Umgaqo-nkqubo kazwelonke njengoko ucaciswe kolu xwebhu lomgaqo-nkqubo, A Résumé of Instructional Programmes in Schools, Report 550 (97/06), ubonelela ngokunikwa iSatifikethi seMatriki komviwa owenza izifundo ezidibanisa izifundo zeMatriki neze-N3.
3. Nakuba kunjalo, ukukhutshwa kwezatifikethi kulawulwa ngu-UMALUSI yaye eli qumrhu ngoku liphumeze lo mgaqo-nkqubo ulandelayo ngokumalunga nokukhutshwa kwezi zatifikethi.
(a) Kwimeko apho umviwa osisigxina aphumeleleyo ukuba afumane (qualified) isatifikethi sematriki aze acele ukuba kudityaniswe izifundo ze-N3 azipase kwiseshoni yoviwo lwangaphambili njengesifundo sesixhenxe okanye sesibhozo, kufuneka kucelwe isatifikethi sokuthatha indawo yeso sematriki. Makuqatshelwe ukuba kufuneka ezo zifundo ze-N3 abe uzipase kwithuba elingekho ngaphezu kweenyanga ezili-12 ngaphambi kwezifundo zematriki. Oku kudityaniswa kwezifundo kunokucelwa kuphela emva kokuba zombini iimviwo zingqiniwe (isatifikethi soviwo lwematriki kwakunye nesatifikethi sezifundo ze-N3 kufuneka zibe sele zikhutshiwe).
(b) Ukuba umviwa akaphumelelanga ukuba afumane isatifikethi sematriki, kodwa abe eneekhredithi zezifundo ze-N3, ezi zifundo zinokudityaniswa ukuze afumane isatifikethi sematriki, kodwa ngokuxhomekeka ekubeni sele zikhutshiwe izatifikethi zezifundo zazo zombini ezi mviwo.
(c) Kwimeko apho umviwa osisigxina wafumana isatifikethi sematriki waza wafumana ikhredithi yesifundo se-N3 emva kokuba sekukhutshwe isatifikethi sematriki, akuyi kuvunywa ukudityaniswa kwezifundo, kodwa ikhredithi yesifundo se-N3 iya kuboniswa njengesatifikethi sesifundo.
4. Kucelwa niqaphele ukuba kwixa elizayo izicelo zokunikwa izatifikethi ezidibanise izifundo, mazingeniswe kweli Sebe leMfundo ngefom yokwenza isicelo eqotyoshelweyo (IsiHlomelo A) kwakunye nentlawulo emiselweyo eyi-R18.00 ngesicelo sokudityaniswa kweziphumo.
5. Okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane makwaziswe bonke abaviwa abenza izifundo okanye abaza kwenza izifundo ze-N3.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:06:14

Annexure A: Application form  (ubukhulu: 37 KB)