1. Izatifikethi zematriki zabaviwa abaphumeleleyo nezatifikethi zezifundo kuphela zabo bangaphumelelanga ababebhalisele uviwo lukaNovemba 2004 esikolweni sakho okanye kwiziko lakho zifakwe apha ukuze uzinike abaviwa abachaphazelekayo.
2. Baxelelwa bonke abaviwa nge-Information Brochure for Senior Certificate Candidates 2004 [umhlathi 13] ukuba izatifikethi zabo zematriki zaziza kukhutshwa ekupheleni kukaMeyi 2005 yaye zaziza kuba sezikolweni ababefunda kuzo ukuze baziphuthume kuzo.
3. Kucelwa uqaphele ukuba izatifikethi zabaviwa ababebhalisele iimviwo zokuxabangela ngoMatshi ukongeza azifakwanga. Ezi zatifikethi ziya kuthunyelwa kwiinqununu kamva.
4. Kukwafakwe apha uluhlu lwezatifikethi olufakwe kwi-scan olusuka ku-UMALUSI ukukwenzela lula.
5. Kukwafakwe kwakhona uluhlu lwabo bonke abaviwa ababhalisela uviwo lukaNovemba 2004 esikolweni sakho/kwiziko lakho, lokunceda iinqununu ukuba ziqinisekisise ukuba zeziphi, ukuba zikho, izatifikethi ezingekhoyo. Ziyacelwa inqununu ukuba zixele kweli sebe ngeleta ebhaliweyo naziphi na iingxaki kunye nezatifikethi ezingafakwanga kwezi zithunyelwayo zingadlulanga iintsuku ezili-14 ukususela ekuzifumaneni kwazo.
6. Ziyacelwa kwakhona iinqununu ukuba zigcine irekhodi epheleleyo yabaviwa abasayinayo bevuma ukuba bazifumene izatifikethi zabo (Acknowledgement of Receipt). Kucelwa uqaphele ukuba nabani na osayinela ukwamkela isatifikethi sematriki makaveze isazisi esisemthethweni (valid identity document).
7. Yonke imibuzo engokumalunga nezatifikethi zematriki zoviwo olukhankanywe apha ngasentla mayibhekiswe kwaba bantu balandelayo:
Nksk E du Toit   021 467 2924  esdutoit@pgwc.gov.za
Nksk M Pekeur    021 467 2928  mpekeur@pgwc.gov.za
Mnu G Valentine  021 467 2927  gvalenti@pgwc.gov.za
Mnu L  Weber     021 467 2926  lweber@pgwc.gov.za
Mnu D Jacobs     021 467 2930  dejacobs@pgwc.gov.za
Mnu H Davids     021 467 2934  hdavids@pgwc.gov.za
Mnu Z Isaacs     021 467 2932  zisaacs@pgwc.gov.za
Nks N Mtatase    021 467 2932  nmtatase@pgwc.gov.za
8. Siya kuyithakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho ngokumalunga noku.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:06:02

UKuvuma uKufumana iZatifikethi zeMatriki zoViwo lukaNovemba 2004  (ubukhulu: 11 KB)