1. Ziyacelwa iinqununu/iintloko/abaphathi ukuba bangenise kwiSebe leMfundo zonke izicelo ezingokunyinyiswa kwemiqathango yeemviwo (examination concessions) (ixesha elongezelelweyo okanye nayiphi na indlela eyenye okanye etshintshwe apha naphaya yokuviwa) emalunga nabaviwa boviwo lweMatriki, ngokungqinelana nesikhokelo esichazwe kwi-Annexure A of Examination Circular Minute 0015/99 of 3 September 1999 bakwenze oko ungekadluli umhla wama-30 Juni 2005. Ukuba isikolo/ikholeji/iziko elo alinalo olu xwebhu lomgaqo-nkqubo, lungafumaneka kwiCandelo leeMviwo (Directorate: Examinations).
2. Ingxelo eneenkcukacha ezibanzi eyenziwe ngonolwazi (detailed professional report) (engekho ngaphezu kweminyaka emi-3 ibhaliwe) esuka kugqirha, kwigosa loncedo lokuqala (para-medic) okanye kwisayikholojisti, nobunye ubungqina obuxhasayo, (iziphumo zeemvavanyo, iziphumo zeemviwo, njl. njl.) mazikhaphe iSihlomelo B (esiyifom emiselweyo yokwenza isicelo).
3. Kwiimeko apho kwenziwe isicelo malunga nokungakwazi ukupela okanye nengxaki yokungakwazi ukubhala kakuhle ekufuneka kuthathelwe ingqalelo ngabavi (examiners), makungeniswe kwakhona imizekelo kanye yomsebenzi wakhe obhalwe ngesandla (ecacisa gca le ngxaki).
4. Makunikwe inkcazo ecace gca yeengxaki zomviwa njengoko ziqatshelwe eklasini. Ukuba ingxaki inkulu kakhulu (serious), makuboniswe nokunyinyiswa kwemiqathango (concessions) okwakunikwe ngaphambili ngethuba lokuba sesikolweni komfundi (umzekelo, umnyinyiva wexesha elingaphezulu, wokungakwazi ukupela njl. njl.) Makucaciswe ngakumbi uhlobo lomnyinyiva – umzekelo, kwakunikwe imizuzu emingaphi ngeyure yexesha elingaphezulu.
5. Izicelo zokucela ixesha elongezelelweyo lokubhala iimviwo ukulungiselela iimeko eziqubulisayo, ezinjengokwaphuka kwengalo okanye umnwe okwenzeke emva kowama-30 Juni 2005, mazingeniswe nazo kwifom emiselweyo. Nakuba kunjalo, ukuba ukungxamiseka kwemeko kunyazelisa oku, isicelo eso singenziwa nangefoni, nekuya kuthi emva koko kungeniswe iifom namaxwebhu onyango okanye amanye amaxwebhu axhasayo athunyelwe ngeposi okanye ngefeksi. Ngokumalunga noku kungaqhagamshelwana naba, uMnu J.C. Albertyn noMnu H.A.J. Coetzee ngezi nombolo zefoni 021 467 2011 no-021 467 2921.
6. Isigqibo seSebe leMfundo malunga nesicelo sexesha lokubhala uviwo elongezelelweyo,kwakunye nokunye ukutshintshwa kweemeko apha naphaya (adaptations), siya kuthunyelwa kwinqununu/kwintloko/kumphathi yaye, ngaphandle kokuba kucaciswe ngolunye uhlobo, siya kusebenza ngethuba leemviwo zikaNovemba nezikaFebruwari/Matshi zokuxabangela (supplementary examination). Inqununu/intloko/umphathi makazise umgadi wabaviwa kunye nomviwa ngencwadi ebhaliweyo malunga nesi sigqibo.
7. Nceda uqaphele ukuba imvume yexesha elongezelelweyo lokubhala iimviwo ngokumalunga neemviwo zangaphakathi (internal examinations), ukuya kutsho, yaye kuqukwa neemviwo zikaSeptemba zeBakala 12, inokunikwa kuphela ngumphathi wesekethe ochaphazelekayo. Izikolo/iikholeji/amaziko makagcine irekhodi yokunyinyiswa kwemiqathango elolu hlobo.
8. Inqununu/intloko/umphathi makavakalise izimvo zakhe kuzo zonke izicelo aze azisayine.
9. Nceda wazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane engeemviwo bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-L.C. ARENDSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:05:24

Policy document  (ubukhulu: 32 KB)
Application form  (ubukhulu: 10 KB)