1. Ngokomyalelo wesilabhasi okumhlathi 6.1.3(b) weSiqendu 6 seSilabhasi yethutyana yeZikolo eziPhakamileyo, yango-1996 (Section 6 of the interim Senior Secondary Syllabus, 1996), ummandla wezamashishini owongezelelweyo oya kuvavanywa kwisifundo seJografi uya kumana utshintshwa qho ngonyaka.
2. Imimandla yezamashishini (industrial regions) eya kuvavanywa kuViwo lweMatriki lwangoNovemba 2006 nakuviwo lokuxabangela (supplementary examination) zangoMatshi 2007 zimi ngolu hlobo lulandelayo:
IJografi uHlelo oluPhakamileyo (Geography Higher Grade): 
UMzantsi Ntshona Koloni kunye neBhayi-Tinarha 
(South West Cape and Port Elizabeth-Uitenhage)
IJografi uHlelo oluPhakathi (Geography Standard Grade): 
UMzantsi Ntshona Koloni (South West Cape)
3. Imibuzo ingabhekiswa kuMnu A Isaacs,
oyi-Deputy Chief Education Specialist (Geography), 
Western Cape Education Department, 
Private Bag X9114, Cape Town, 8000.
Ifoni:	021 467 2200
Ifeksi:	021 467 2258


ISAYINWE: NGU-L.C. ARENDSE
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:05:23