1. NgoDisemba iSebe leMfundo leNtshona Koloni lafumana iziphumo zeemvavanyo zolwimi nemathematika ezazisethwe liZiko loVavanyo lweMfundo leYunivesithi yaseNew South Wales (University of New South Wales Education Assessment Centre) nezabhalwa ngo-2004 ngabo bonke abafundi beBakala 8.
2. NgoJanuwari 2005 ngasinye isikolo siya kufumana umqulu oneenkcukacha zeziphumo zeemvavanyo nezatifikethi zomfundi ngamnye owathatha inxaxheba kwezi mvavanyo. Mazincede iinqununu zikhangele kwiphepha eliqhotyoshelweyo ukujonga uluhlu lokuqulathwe ngumqulu lowo ziya kuwufumana.
3. Ziyakhuthazwa iinqununu ukuba zizibonise bonke ootitshala iziphumo zeemvavanyo kwakunye namalungu ebhunga lolawulo nabazali abanomdla.
4. Ezi ngxelo sesona sixhobo sigqibeleleyo sokujonga ezo zinto isikolo sikwazi ncam ukuzenza kakuhle nezo sibuthathaka kuzo (schools’ strengths and weaknesses) ekufundiseni ulwimi nemathematika. Ngako oko ke ucalu-calulo lwezi ziphumo maluthathelwe ingqalelo enkulu kwizicwangciso zophuculo lwesikolo nasekucwangciseleni iishedyuli zomsebenzi.
5. Njengoko amagosa ee-EMDC eqeqeshelwe ukwazi ukutolika ezi ziphumo, mazincede izikolo ziqhagamshelane ne-EMDC yazo ukuba zifuna uncedo ngokumalunga noku.
6. Ngo-2005 kuza kuqhutywa iimvavanyo ezikwafana nezi. Uvavanyo lwemathematika luya kubhalwa ngoLwesine we-2 Juni 2005 ukususela ngo-09:00 kuye ku-11:00 luze uvavanyo lolwimi lube ngoLwesithathu we-15 Juni 2005 ukususela ngo-09:00 kuye ku-11:00.
7. ICandelo lezeeMviwo (Examination Directorate) leSebe leMfundo leNtshona Koloni liya kucela ubhaliso lwabafundi beBakala 8 ngekota yokuqala ka-2005.
8. Siya kuyithakazelela kakhulu intsebenziswano yakho ngokumalunga nalo mbandela obaluleke kangaka.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:01:19

List of itmes  (ubukhulu: 10 KB)