1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni laqalisa iZiko leeFoni (Call Centre) lalo elikudidi oluphezulu nge-13 Apreli 2004. Eli ziko linike inkonzo ebaluleke ngendlela eyodwa kumawaka-waka abantu abaye balifonela ukususela kunyaka ophelileyo.
2. Sinqwenela ukukhumbuza iinqununu nootitshala ukuba eli ziko leefoni lalenzelwe ukuqwalasela ngakumbi imicimbi echaphazela ezabasebenzi nezemali. Inombolo yefoni yile 0861-92-33-22.
3. Ngenxa yemfuneko enkulu kakhulu yale nkonzo engemicimbi yezabasebenzi nezemali, sicela iinqununu nootitshala bamaziko emfundo ukuba bonke bancede balisebenzisele eli ziko imibuzo engale mibandela kuphela. Imibuzo emalunga nezinye izinto mayibhekiswe nangoku kumacandelo afanele loo micimbi (relevant directorates). Oku kuya kuthintela ukuxinwa kweli ziko leefoni ngemibuzo engeyomfuneko.
4. Sikhumbuza abo sibenzela inkonzo ukuba iziko lewebhu leSebe leMfundo leNtshona Koloni likwabonelela ingcaciso ngezinto ezininzi eziye zibuzwe kwiziko leefoni. Nantsi idilesi yeziko lewebhu http://wced.wcape.gov.za. Iinkonzo zeli ziko lewebhu zibandakanya, phakathi kwezinye,
  • ukwazi ukulandela inkqubo yokuqeshwa komntu wazi ukuba kuxa indawoni na

  • iziko ledatha lootitshala abafuna ukuqeshwa

  • izintlu zezithuba (vacancy lists), njengoko zimana kupapashwa

  • iisetyhula neengcaciso ezimfutshane

  • amaphepha asingethe ngokukodwa imiba engezobudlelwane emisebenzini nophuhliso lwabasebenzi

5. Kwakhona kucelwa nithathele ingqalelo oku iinombolo
  • zefoni zabanye abasebenzi abakumaCandelo ezaBasebenzi nezeMali ziqala zingene kwiziko leefoni. Awunako ukubafumana ngqo ungadlulanga kuqala kweli ziko. (Kwimeko engxamisekileyo kungafonelwa ngqo amasekela balawuli okanye abalawuli.)

  • kwakhona unganxibelelana namagosa ngokusebenzisa i-imeyili (zikhangele kule Setyhula 165/2003 iidilesi ze- i-imeyili).

6. Kuza kuqhutyekwa ngokumana lisandiswa qho iziko lewebhu ukwenzela ukuncedisa umsebenzi weZiko leeFoni kunye neli Walk-in Centre kwaNdlunkulu eKapa.
7. Eli Ziko leeFoni likwancedisa umsebenzi onxulumene nalo, weenkonzo zefoni obonelelwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni. Ezi nkonzo zibandakanya oku kulandelayo:
  • IProgram engeMpilo Qethe yaBasebenzi yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED’s Employee Wellness Programme), enika inkonzo yengcebiso yamahala kubasebenzi abafuna ingcebiso eyimfihlo (confidential advice) malunga nemibandela yokwazi ukulawulo ubomi babo, enjengokuba phantsi koxinzelelo (stress), ukudangala (depression), iingxaki ngezobudlelwane (relationship problems), ukugula, amatyala nosetyenziso gwenxa lotywala neziyobisi (substance abuse) (ngale nombolo yefoni 0800-2044-81)

  • IZiko leeFoni leZikolo eziKhuselekileyo leSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED’s Safe Schools Call Centre), loqhagamshelwano nabafundi abangcungcuthekiswayo bephethwe gadalala (learners experiencing abuse) nezikolo ezifuna ukuxela izenzo zolwaphulo-mthetho (report crime) kunye nezinye iziganeko ezingabeka emngciphekweni ukhuselo nokhuseleko lwesikolo (ngale nombolo yefoni 0800-45-46-47)

8. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane bonke abasebenzi abaphantsi kwakho ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-A.M. ATTWELL
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:05:31