1. Enye yeemfuno zesilabhasi yethutyana yoMculo kwi-HG nakwi-SG neyoMculo ekuDlalwa iiNtambula (Second Instrument) kwi-SG kukuba kungeniswe uluhlu lweengoma azikhethileyo umviwa ngamnye kuMcebisi ngezeKharityhulam (wezoMculo) ngenjongo yokuba aluvume.
2. Ngalunye uluhlu lomviwa lweengoma aza kuzicula malume ngolu hlobo lulandelayo:
  • Igama elipheleleyo (amagama apheleleyo) nefani yomviwa

  • Ingcaciso yokuba ngaba umviwa wenza izifundo zoMculo kwi-HG okanye kwi-SG okanye uMculo ekuDlalwa iiNtambula (Second Instrument) kwi-SG

  • Igama leentambula azikhethileyo

  • Amagama eengoma ngokungqinelana nomculo wexesha elithile kwimbali yomculo

  • Ii-scales nee-arpeggios ezikhethwe kwiisilabhasi ezikhoyo ngoku zaseUNISA, eTrinity College of London, kwiAssociated Board of the Royal Schools of Music and the Step System. (Kucelwa ubhale igama lequmrhu elongamele iimviwo.)

3. Ziyacelwa iinqununu ukuba zingenise ezi zintlu, kwakunye neekopi zamaculo kumcebisi wezekharityhulam ochaphazelekayo okwi-EMDC yazo (funda olu luhlu lulandelayo) phambi komhla wama-28 Februwari 2005.
EMDCUMCEBISI NGEZEKHARITYHULAM
Metropole East
Metropole South
Ms B Pretorius
Private Bag X23
Kuils River
7579
ifoni 021 9007000
Metropole Central
Breede River/Overberg
Mr F Lewis
Private Bag X9114
CAPE TOWN
8000
ifoni 021 467 2504
Metropole NorthMr K Tabisher
Private Bag X45
PAROW
7500
ifoni 021 938 3000
South Cape/KarooMr J Theodore
P.O. Box 1294
OUDTSHOORN
6620
ifoni 044 279 1681
West Coast/ WinelandsMr L du Preez
Private Bag X3026
PAARL
7620
ifoni 021 860 1200

4. Bayacetyiswa ootitshala ukuba balufundisise uluhlu lweentambula ezivunyiweyo kwisilabhasi yethutyana. Qaphela ukuba yi-elektronikhi khibhodi (electronic keyboard) kuphela eyongezwe kolu luhlu.
5. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:02:15