1. Sele egqityiwe ukwenziwa la maxwebhu eziKhokelo zoVavanyo lweZifundo (Subject Assessment Guideline) azo zonke izifundo yaye ayafumaneka kwiziko lewebhu leSebe leMfundo likazwelonke apha http://www.education.gov.za. Zonke ii-EMDC sele zinikiwe inguqulelo yesiXhosa ukuze ibe nokuthunyelwa ezikolweni. ISebe leMfundo likazwelonke selikulungiselele ukuwaguqulela la maxwebhu kwisi-Afrikansi yaye afanele ukuba abe sele elungile ngoJanuwari noFebruwari 2006.
2. Seligqityiwe neMigaqo kaZwelonke eza kuLandelwa kuVavanyo lweZikolo kwiCandelo leMfundo noQeqesho ngokuBanzi neleMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (kumaBakala R – 12) (National Protocol on Assessment for Schools in the General and Further Education and Training Bands (Grades R – 12)) yaze yanikwa ii-EMDC ukuze ziyidlulisele ezikolweni. Ikwafumaneka kwiziko lewebhu le-WCED apha http://curriculum.wcape.school.za Olu xwebhu, noluza kufakwa kwigazethi kungekudala, lwenzelwe ukulawula ukurekhodwa nokunika ingxelo ngenkqubo yovavanyo kuzo zonke izikolo yaye kufuneka luphunyezwe zizikolo zonke ukususela ngoJanuwari 2006.
3. Ukongeza kula maxwebhu angentla, ii-EMDC sele zinikwe amanye amaxwebhu amabini abalulekileyo omgaqo-nkqubo we-FET NCS ukuze ziwadlulisele ezikolweni. Loo maxwebhu yi-National Senior Certificate: A Qualification at Level 4 on the NQF kunye ne-Minimum Admission Requirements for Higher Certificate, Diploma and Bachelor’s Degree Programmes requiring a National Senior Certificate.
4. Amaxwebhu asisikhokelo sovavanyo lwezifundo, (subject assessment guideline) kwakunye neMigaqo kaZwelonke eza kuLandelwa kuVavanyo (National Protocol on Assessment), kuya kuboniswana ngawo nootitshala kwikota yokuqala ka-2006 kwisithili se-EMDC ngokwemeko engqonge sona.
5. I-Minimum Subject Package Guide yesifundo ngasinye se-FET NCS, eyayiqulunqwe yaza yathunyelwa ezikolweni ngo-2003, seyihlatywe amadlala (reviewed) yahlaziywa ngokutsha. Injongo yolu xwebhu kukukhokela iinqununu nootitshala ngokumalunga nokuqonda ukuba ziziphi na izibonelelo zokufunda, zokufundisa nezezakhiwo ezifunwa zizikolo zazo ukuze zibe nokukufundisa ezi zifundo zichaphazelekayo ngempumelelo. Inguqulelo ehlaziyiweyo ifumaneka ngesiNgesi nangesi-Afrikansi kwiziko lewebhu le-WCED, http://curriculum.wcape.school.za.
6. Sele yenziwe idrafti yoxwebhu lokujonga amathuba okufakwa kwe-ICT kwizifundo ze-FET NCS. Olu xwebhu luya kuguqulelwa kwezinye iilwimi luze lube nokufumaneka kwaoko emva koko kwiziko lewebhu lekharityhulam le-WCED apha http://curriculum.wcape.school.za. Ingxelo eyakhayo yokuchaza okuqhubekileyo ngolu xwebhu iya kwamkeleka kakhulu. Iikhomenti zakho ungazithumela kuMnu T Smit nge-imeyili apha tcessmit@pgwc.gov.za
7. Sele lwenziwe uxwebhu olusisikhokelo sokuvavanywa nokukhethwa kwezibonelelo ezifanelekileyo zokufunda nokufundisa yaye luya kufumaneka kungekudala kwiziko lewebhu le-WCED apha http://curriculum.wcape.school.za
8. Isicwangciso i-MST: Injongo yesi sicwangciso kukwandisa uthatho-nxaxheba nokuphucula impumelelo kwiMathematika (HG) nakwiFizikhali Sayensi (HG). Inani lezikolo eziza kugxila kwiMathematika neFizikhali Sayensi landisiwe ukusuka kwinani lokuqala elalingu-10 ukuya kuma-40 ezikolo. Sele zikhethiwe izikolo ezongezelelweyo ze-10 WCED MST focus schools.
9. Izikolo ezigxila kwizifundo ezithile: Injongo yezi zikolo kukuphuhlisa italente. Izikolo ezingamashumi amabini anesibhozo sele zikhethiwe zaza zavunywa njengezikolo eziza kugxila kwizifundo zoBugcisa neNkcubeko; kwezoShishino, uRhwebo nezoLawulo; kunye nezoBunjineli neThekhinoloji.
10. IiNkqubo zeeNkcukacha ngezeJografi (Geographic Information Systems) (GIS): Le software yenza abe nako lowo uyisebenzisayo ukubona, ukuphengulula, ukuphanda nokucazulula idatha ngokunxulumene nendawo ekuqhubekela kuyo izinto (spatially) ngokusebenzisa ithekhinoloji. Eli licandelo lektronikhi elinyanzelekileyo ukuba lenziwe kwi-FET NCS yekharityhulam yeJografi. Zonke izikolo eziya kuba zifundisa iJografi kwiBakala 10 ngo-2006 ziya kufumana i-software ye-GIS eya kufakwa ezikolweni zazo ungadlulanga owe-31 Januwari 2006. Ootitshala beJografi baya kuthi emva koko baqeqeshwe kusetyenziso lwale software ye-GIS.
11. Sezazisiwe izikolo ukuba izifundo ezizikhethileyo zeBakala 10 ngo-2006 zamkelwe okanye zamkelwe phantsi kwemiqathango ethile. Apho kuyimfuneko, ii-EMDC ziya kuzibeka esweni ezo zikolo ngenjongo yokuzinceda. Kusekho iqela lezikolo ezingekazingenisi izifundo ezizikhethileyo ngo-2006. Mazincede iinqununu zezi zikolo zizingenise ngokukhawuleza kuMcebisi ngezeKharityhulam oyiNtloko we-EMDC yazo.
12. I-FET NCS iya kuqaliswa kwiBakala 10 kunyaka ozayo. Kumelwe ootitshala babe nala maxwebhu alandelayo ezo zifundo bazifundisayo:
  • Ingcaciso ngesifundo (Subject statement)

  • Isikhokelo seprogram yoluhlu lwezifundo (Learning programme guidelines)

  • Isikhokelo sovavanyo lwezifundo (Subject assessment guidelines)

  • Ukuhlelwa kolwazi olutsha, izakhono, imethodoloji, i-IT kunye novavanyo (Analysis of new knowledge, skills, methodology, IT & assessment)

  • Isishwankathelo sengcaciso ngesifundo (Subject information overview)

  • Isikhokelo sephakheji yezifundo esifutshane (Minimum subject package guide)

  • IMigaqo kaZwelonke eza kuLandelwa kuVavanyo lweZikolo kwiCandelo leMfundo

  • noQeqesho ngokuBanzi neleMfundo noQeqesho oluQhubelekayo (kumaBakala R – 12) (National Protocol on Assessment for Schools in the General and Further Education and Training Bands (Grades R – 12))

13. Kufuneka ootitshala nabo bakwazi ukufumana la maxwebhu alandelayo yaye bakwazi okubhalwe kuwo nemeko ewangqongileyo National Senior Certificate: A Qualification at Level 4 on the NQF kunye ne-Minimum Admission Requirements for Higher Certificate, Diploma and Bachelor’s Degree Programmes requiring a National Senior Certificate.
14. Kuxwebu olunombolo ingu 0081/2005 zacelwa iinqununu ukuba zithumele amagama ootishala kunye nabaqalayo abafuna ukuqeqeshwa ngohlobo olutsha lwezifundo zabo, ukususela ngomhla we 9 ukuya kumhla we 12 kuJanuwari ka 2006. Inxaso ngalo mba evela ezikolweni inqongophele kangangokuba uNdlunkulu akanakho ukulusingatha oloqeqesho ngenxa yencitho yalo.
15. Incukacha ezo zithunyelwe kumaziko emfundo ii EMDC’s ukuze ziwusingathe ngokwazo lo mba. Kungenjalo ezotitshalo ziyakuthabatha inxaxheba kuqeqesho oluzayo, oluyakuba ngenyanga ka Juni no Julayi kunyaka ka 2006, ngexesha le holide zobusika. Sinqwenela ukusebenzisa eli thuba sibulele bonke ootitshala beBakala 10-12 ngokuzinikela kwabo kunye nokusebenza nzima ngo-2005 yaye sibanqwenelela okuhle kodwa malunga nokuqaliswa kwe-FET NCS kwiBakala 10 kunyaka ozayo. Sinqwenela ukunika ingqinisekiso yokuba baya kufumana inkxaso efanelekileyo kwii-EMDC ukukhuthaza ukuqaliswa ngempumelelo kwe-FET NCS kwiBakala 10 ngo-2006.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:11:29