1. Kule ngcaciso emfutshane kufakwe izintlu zethutyana zeencwadi ezimiselweyo eziphathelele kufundo loncwadi (literature study) ngo-2006. Ezi zintlu azizibandakanyi izintlu zeBakala 10 zona ziya kuthunyelwa ezikolweni ebudeni bonyaka.
2. Ezi zintlu ziyilwe ngenjongo yokunciphisa imfuneko yokuthenga iincwadi ezintsha, kodwa senziwe sona isibonelelo sokufakwa kwezihloko ezitsha.
3. Uyacelwa ukuba ungenise iingcebiso (recommendations) okanye izimvo (comments) zakho (ebekuthandwa ukuba mazibe nokubhalwa phantsi) ngokuphathelele kulo mba phambi kwe-14:00 ngowe-18 Matshi 2005. Zonke iingcebiso nezimvo ziya kuqwalaselwa ziiKomiti ezijongene neeNcwadi eziMiselweyo (Prescribed Book Committees) yaye, ukuba kuyimfuneko, kuya kwenziwa izilungiso (amendments) phambi kokuba kukhutshwe izintlu zokugqibela.
4. Ngenisa iingcebiso okanye izimvo zakho ku:
Head: Education (Attention: Mr TJ Magwaca)
Western Cape Education Department
Private Bag X9114	
CAPE TOWN			
8000
Emeyili ku: Tebo Magwaca (tmagwaca@pgwc.gov.za)


ISAYINWE: NGU-P.A. VINJEVOLD
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:02:23

Provisional list of prescribed books  (ubukhulu: 112 KB)
Voorlopige lys van voorgeskrewe boeke  (ubukhulu: 100 KB)