1. Isifundo soLwazi ngezoBomi (Life Orientation), sisifundo esingundoqo kwizifundo ze-FET esiza kufundwa ngabo bonke abafundi bamaBakala 10 - 12, sineenkalo ezine esigxile kuzo, ezizezi: Personal Well-being, Citizenship Education, Recreation ne-Physical Activity, ne-Careers and Career choices.
2. Iikhosi zoqeqesho kwisifundo NgeMpilo Qete yoMntu (Personal Well-being) ziya kwenziwa nge-12-14 Januwari 2006 (Iintsuku ezi- 3).
2.1 Ikhosi NgeMpilo Qete yoMntu inika inkxaso kuqeqesho lweNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement (NCS)) yeSebe i-WCED nolwalwenziwe ngeholide kaJuni 2005.
2.2 Iya kuba ngazo zombini iindlela, esebenzisa amaphepha nakwi-CD-ROM (paper-based and CD-ROM applications) kwaye zonke izikolo ezinezibonelelo ezifanelekileyo zekhompyutha ziya kunikwa leyo isebenza ngekhompyutha (electronic version), incwadana yemigaqo katitshala kunye nencwadi yomfundi.
3. Ootitshala ababini kwisikolo ngasinye bangeza kule khosi yomjikelo wesibini woqeqesho. Izikolo ezazizileyo kuqeqesho ngoMatshi 2005 azifanelanga ukuba zize kulo mjikelo woqeqesho.
4. Verwys asseblief na kwisiHlomelo B malunga nendawo omawuye kuyo efanelekileyo. Ikhosi iya kuqala kanye ngqo ngo-8:30 kusasa ize ivalwe ngo-16:00 emva kwemini, ngazo zontathu ezi ntsuku zoqeqesho. Ukuba ufuna iinkcukacha ezingaphezulu qhagamshelana noNksk D Christiaans, uMcwangcisi weKharityhulam oMkhulu wesifundo soLwazi ngezoBomi (Senior Curriculum Planner for Life Orientation) ngale nombolo yefoni (021) 467 2589.
5. Ootitshala baya kubuyiselwa ngeendleko zohambo. Ootitshala abafuna ukwenza amabango ngenxa yezi ndleko mabeze nezi nkcukacha zilandelayo ekhosini:
  • Inombolo yePesali

  • Umthamo we-injini yesithuthi esisetyenzisiweyo nonyaka esenziwe ngawo
  • Umgama ngeekhilomitha ukusuka esikolweni ukuya kwindawo yekhosi

6. Ootitshala abasuka kwii-EMDC zasemaphandleni abafuna indawo yokuhlala mabazenzele amalungiselelo ngokwabo. Kucetyiswa ukuba basebenzise indawo yokulala enesidlo sakusasa (bed and breakfast). Aba titshala mabangenise amabango abo phambi kokuba bahambe ngosuku lokugqibela lwekhosi.
7. Ziyacelwa iinqununu ukuba zibuyisele iifom (kwisiHlomelo A) zokubhalisa kuMcwangcisi wezeKharityhulam oyiNtloko, uNksk D Christiaans kwaNdlunkulu ngokuziposa, ngokuzithumela ngefeksi apha (021) 467 2620 okanye ngokuzithumela nge-imeyili kule dilesi dchristi@pgwc.gov.za ungagqithanga umhla we-2 Disemba 2005.
8. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba ukuza kwezi khosi zingentla kungathathelwa ingqalelo xa kuzaliswa ii-IQMS zootitshala.


ISAYINWE: NGU-JP RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:11:18

ISIHLOMELO A & B  (ubukhulu: 14 KB)