1. Uvavanyo lwabafundi beBakala 3 olwaqhutywa liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ngo-2004 lwabonisa ukuba umgangatho wolwazi lokubala kubafundi abaninzi kufuneka uphuculwe. ISebe i-WCED ngenxa yoku likhangela likwaphumeza iindlela ekunokunikwa ngazo inkxaso noncedo kootitshala nakwizikolo ukuze bancediswe ekuphuculeni umgangatho wolwazi lokubala. Enye yezi ndlela kukubonelela ngoqeqesho kulwazi lokubala kwabantwana abaselula.
2. Sekwenziwe uphando olubanzi noluvunyiweyo lokuba uphuhliso lolwazi lokubala lusuka ezantsi kumava olwazi lokubala lwangaphambi kokufunda kwabantwana abaselula, ngexesha lobuncinane ekukhuleni komntwana, kwaye ngoko ke kubalulekile ukuba la mava angaphambili olwazi lokubala aqatshelwe aze anikwe ingqwalaselo efanelekileyo.
3. ISebe i-WCED liza kuqhuba ikhosi efundisa ngokunzulu yeentsuku ezi-3 yolwazi lokubala kwabantwana abaselula eyenzelwa ootitshala beBakala R ukukhuthaza ukuba bazi yaye baqonde ukubaluleka kwesiseko esomeleleyo solwazi lokubala kwabantwana abaselula nesiya kuba yimpumelelo kamva kwiMathematika.
4. Injongo yale khosi kukuphuhlisa ingqiqo nobuchule bokwazi kootitshala beBakala R ekuphuhliseni izakhono ezifanelekileyo zolwazi lokubala lwangaphambi kokufunda kubafundi beBakala R, ukwenzela ukulungiselela aba bafundi iimfuno zekharityhulam yamaBakala 1 - 3.
    • Ekupheleni kwale khosi abathathi-nxaxheba baya kwazi ukwenza oku kulandelayo:

    • Ukuqonda iingqiqo (concepts) zolwazi lokubala olusathukuzayo

    • Ukuchaza ukuba ulwazi lokubala olusathukuzayo lusinika njani na isiseko sokuphuhliswa kolwazi lokubala ngempumelelo

    • Ukucacisa imigangatho yovavanyo yeBakala R kwiNkalo yeMathematika, -ngokubhekiselele ngakumbi kuphuhliso lolwazi lokubala olusathukuzayo ngeprogram yokufundisa nokufunda engalandeli ngqo imigaqo (non formal) esekelwe kwimidlalwana nasekufundeni ngokuthatha inxaxheba (active learning)./li>

    • Ukuchaza ukuba ukuvanga ukufundisa nokufunda kuzo zontathu iiprogram zokufunda kuluxhasa njani na ulwazi lokubala olusathukuzayo

    • Ukuvelisa imisebenzi evangiweyo emayifundiswe nemayifundwe yeBakala R esekelwe kwi-RNCS nephuhlisa ulwazi lokubala, izakhono, iziseko ezizizo nemikhwa emihle

    • Ukubandakanya isicwangciso solwazi lokubala kwiprogram yemihla ngemihla kwindawo yokufundela engalandeli ngqo imigaqo nekhuthaza ukufunda ngokudlala, ukuzibhaqela ngokwakho ulwazi nokufunda ngokuthatha inxaxheba

    • Ukuqaphela imiqobo eqhelekileyo ekufundeni ethi ibenefuthe kuphuhliso lokufunda ulwazi lokubala olusathukuzayo

    • Ukuchaza ubuncinane imisebenzi emithathu ebalulekileyo yemihla ngemihla efunekayo kwisicwangciso samaxesha okufundisa seBakala R eyona ibaluleke kakhulu ekukhuthazeni uphuhliso lolwazi lokubala.

5. Ikhosi iya kwenziwa kwiziko elinye kwi-EMDC nganye ngexesha leholide yezikolo ngoJanuwari 2006 ngolu hlobo lulandelayo:
EMDCUmhlaIndawoIinkcukacha zomququzeleli weSebe i-WCED nezoqhagamshelwano
South Cape & Karoo 10,11,12 Januwari EMDC Ntsiki Guga Ifoni: 044 803 8318 / 083 462 4961
West Coast & Winelands 10,11,12 Januwari Laerskool Dirkie Uys Zaida Davids Ifoni: 021 8601587 / 073 434 1876
East 10,11,12 Januwari EMDC Regina Jansen Ifoni: 021 900 7049 / 072 981 6038
South 10,11,12 Januwari EMDC Ntsiki Tolashe Ifoni: 021 370 2064 / 073 192 3697
Central 10,11,12 Januwari Cape Town Teachers Centre Vanessa Minnaar Ifoni: 021 659 4328 / 082 462 8907
North 10,11,12 Januwari EMDC Suzette de Villiers Ifoni: 021 938 3013 / 082 551 4460
Breede River & Overberg 10,11,12 Januwari EMDC Madeleine Siddle Ifoni: 023 348 4608 / 082 896 1043

6. Ootitshala beBakala R abafundisayo ngoku kwiiklasi ezibhalisiweyo zeSebe i-WCED ezisezikolweni okanye eziphantsi kwezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo eziziprayimari nezikolo ezizimeleyo ezizipri-prayimari bafanelekile ukuba baye kule khosi. Nangona kunjalo, ukuthatha inxaxheba kule khosi ukwenza ngokuzithandela yaye kuya kuthathwa kwikhosi nganye ootitshala abayi-30 kuphela ababhalisileyo.
7. Ngokusebenzisa ingqiqo yazo, ii-EMDC ziya kukhupha isimemo esimema izikolo ngokubanzi okanye zimeme ezo zikolo zizanelisayo iimfuneko ezibekwe yi-EMDC kwangaphambili ezifana nokuba kufutshane kwindawo enekhosi, nokuba nolwazi ngekhosi zoqeqesho ezizezinye. Ii-EMDC ziza kuqhagamshelana nezikolo ngokukhawuleza kwaye zonke iifom zobhaliso ezifakwe zonke iinkcukacha mazibuyiselwe kwi-EMDC ngaphambi okanye nge-18 Novemba 2005. Nje ukuba utitshala amkelwe aze abhaliswe kule khosi, uya kunyanzeleka ukuba abekho, ukungaphumeleli kwakhe ukuza kuya kubangela ukuba kubuyiswe ezo ndleko zalo nkcitho ingabanga neziqhamo ngokuzixhuzula kwimali yesikolo. Nayiphi na imibuzo ngokumalunga nobhaliso nemiba yekhosi mayibhekiswe kumququzeleli we-EMDC ochaphazelekayo ofakwe kuluhlu lwetheyibhile elapha ngentla.
8. Abathathi-nxaxheba baya kucelwa ukuba beze nezinto zabo zokubhala (ukulungiselela ukubhala, ukuzoba, ukufayilisha njl. njl.) kunye nala maxwebhu alandelayo omgaqo-nkqubo weNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke eHlaziyiweyo AmaBakala R - 9 (Izikolo):
    • Overview

    • Mathematics Learning Area Statement

    Ukuba abathathi-nxaxheba abakawafumani la maxwebhu, angafumaneka kwi-EMDC ngethuba lekhosi.
9. Kufuneka amalungiselelo athile ukuze ubani abe nako ukuthatha inxaxheba ephambili kule khosi. Abathathi-nxaxheba kufuneka bakwazi okuqulethwe ngala maxwebhu: Overview neMathematics Learning Area Statement.
10. Ootitshala ababhaliso lwabo luvunyiweyo bangenza amabango eendleko zabo zehambo.
10.1 Le nkxaso-mali neya kuhlawulwa kube kanye qha, ngokuxhomekeka ekubeni iSebe i-WCED lifumana ifom yebango ezalisiwe ngokuchanekileyo kwindawo enekhosi:
    • 20 - 50 km xa zizonke iintsuku ezi-3:     R75-00

    • 51 - 75 km : xa zizonke iintsuku ezi-3:   R85-00

    • 76 -100 km : xa zizonke iintsuku ezi-3:  R95-00

    • + 100km : xa zizonke iintsuku ezi-3:      R100-00

10.2 Kuya kufunwa le ngcaciso ilandelayo xa kusingathwa amabango eehambo:
    • Inombolo yePesali (ukuba kuyasebenza oku)

    • Inombolo yesazisi (ID)

    • Umgama wehambo ngeekhilomitha ukusuka ekhayeni lakhe ukuya kwindawo yekhosi

    • Iinkcukacha zebhanki kubaqeshwa abaqeshwe libhunga lolawulo lesikolo

10.3 Bayacelwa ootitshala ukuba bancede baqinisekise ukuba iifom zokwenza amabango, ezizaliswe zonke iinkcukacha ngokuchanekileyo nezingqiniweyo, zingeniswa kumphathi wendawo yekhosi phambi kokuphela kwekhosi. ISebe i-WCED liva kabuhlungu xa amabango entlawulo aye akhatywe ngenxa yeenkcukacha ezingachanekanga okanye ngenxa yokungeniswa kade kuba lawo mabango akayi kuhlawulwa.
11. Isidlo esilula neziphungo ziya kufumaneka ngentlazane nangexesha lesidlo sasemini.
12. ICandelo loPhuhliso lweKharityhulam lilamkela ngezandla ezishushu eli thuba lokuba kunikwe inkxaso kootitshala beBakala R kwindima yabo ebaluleke ngokungathethekiyo ekuphuhliseni isiseko esiluqilima solwazi lokubala kubafundi bethu abasebancinane.


ISAYINWE: NGU- AP CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:11:09