1. INGCACISO YOKWANDLALELA
1.1 Kucelwa ufunde le Setyhula 0016/2003 engesikhokelo sekharityhulam yemfundo noqeqesho lwabadala (ABET) kumaNqanaba 1-3.
1.2 AmaNqanaba 1-3 e-ABET anika isiseko kubafundi bemfundo yabadala abanqwenela ukufikelela kwikharityhulam elungiswe yaza yacwangciswa kakuhle yeNqanaba 4 le-ABET (Funda iSetyhula 0015/2003) ) nesisiqinisekiso semfundo sokuqala seNational Qualifications Framework (NQF).
1.3 Ukuze kube nokwakhiwa isiseko esiluqilima, kubalulekile ukuba ikharityhulam ye-ABET ikwazi ukumelana nemingeni yokwenene yentlalo neyezoqoqosho yomfundi omdala.
1.4 Amanqanaba amathathu e-ABET angezantsi kwe-NQF 1 njengangoku asisithintelo kumfundi omdala ofuna ukufikelela kwikhondo lokufunda ngokukhawuleza nelihambelana neemeko eziqhubekayo.
1.5 Isikhokelo sekharityhulam, esisusela kwimilinganiselo yomgangatho (unit standards), senza kwakhona kube nzima kumaziko emfundo yabadala (CLCs) ukudibanisa uqeqesho olususela kwizakhono kwiiprogram zabo ngendlela enenzuzo kubo.
2. IKHARITYHULAM EFUNDISWA NGEEMODYULI
2.1 Igama elithi imodyuli, njengoko lisetyenziswe apha, lithetha umlinganiselo omnye qwaba (single unit), opheleleyo wodwa nje, nosebenza njengeebloko zokuya kufikelela kweminye imilinganiselo. Inkqubo esebenzisa iimodyuli ijolise ekuxhaseni abafundi be-ABET ekuphumezeni iinjongo zabo kwezemfundo, kwezentlalo nakwezoqoqosho zethuba elide nezethuba elifutshane.
2.2 Injongo yezi modyuli kukuxhasa ukuqatshelwa kwemfundo asele enayo umfundi (recognition of prior learning) (RPL) nokuqinisekisa ukuba umfundi ubonelelwa ngamathuba okungenela kunye/okanye okuphuma kwiiprogram zeNqanaba 1-3 ze-ABET kwizigaba ngezigaba ezahlukeneyo. Abafundi (ngokuxhomekeke kumava abo), akukho mfuneko yokuba baqale kwimodyuli yoku-1 kwinqanaba ngalinye.
2.3 Uncedo lokusebenzisa imodyuli lusekukhawulezeni kokusebenziseka kwayo, o.k.t. imodyuli nganye imisela iziphumo ezicacileyo, ezikhawulezayo, zethuba elifutshane umfundi anokuzifikelela. Ingxelo ngokuqhubekayo yethe ngqo nangaphezulu njengoko imodyuli nganye iya kwazisa abafundi ukuba ngaba
    • bazuze izakhono nolwazi oluyimfuneko imodyuli ejonge ukuluphuhlisa,

    • bahlangabezene nemiqathango abaza kuvavanywa ngayo,

    • bafuna ixesha elingaphezulu lokuhlangabezana nemiqathango yeziphumo ezimiselweyo,

    • banike ubungqina obaneleyo bolwazi abalufumeneyo.

2.4 Inzuzo kwii-CLC ekusebenziseni ikharityhulam eziimodyuli nelawulwa ize ibekwe esweni ngokuchanekileyo yeyokuba yenza kube lula ukucwangcisa nokulandela amakhondo okufunda. Ngako oko ke, kubalulekile ukuba ii-CLC zibe nomfanekiso ocacileyo wokuba abafundi bazo bandawoni na kumanqwanqwa okuqhubeka nokufunda (learning continuum) emva kokugqitywa kobhaliso lwabafundi kumaziko emfundo. Kusenziwa njengangoku izixhobo zokulawula le nkqubo (management tools).
3. ISIKHOKELO SEEMODYULI
3.1 Olona phawu lungundoqo lwesikhokelo seemodyuli kukuba iwenza ngokutsha amanqanaba e-ABET abonelela ootitshala ngomfanekiso wokuba
    • umfundi omdala undawoni na kumanqwanqwa okuqhubeka nokufunda, nokuba

    • uhlobo longenelelo ngoncedo okanye amathuba angaphezulu umfundi awafunayo ukuze akwazi ukuya kumanqwanqwa alandelayo kwinkqubo yokufunda.

3.2 Izigaba ezikumanqanaba 1-3 e-ABET, iseso neso sineenjongo zazo, zingashwankathelwa ngolu hlobo lulandelayo:
    • INqanaba 1 le-ABET: Ukufundela ukufunda, ukubhala nokubala

    • INqanaba 2 le-ABET: Ukufunda, ukubhala nokubala ngeenjongo zokufunda

    • INqanaba 3 le-ABET: Ukufundela ukufunda nokulungiselela ukwenza izifundo ezizodwa (to specialise)

3.3 Isikhokelo seemodyuli sithathela ingqalelo iindidi ngeendidi zabafundi abangena kwinqanaba elithile le-ABET, sivumele ukuba iindidi ezahlukeneyo zabafundi zibe nako ukungena kwakhona kumanqwanqwa okuqhubeka nokufunda (learning continuum) kwiindawo ezahlukeneyo. Xa kuthathelwa ingqalelo oku, ngalinye kumanqanaba e-ABET lineemodyuli ezi-5 kunye nezigaba ezithathu ezahlukeneyo zokufunda (esabaqalayo, esiphakathi nesiphambili).
3.4 ISihlomelo A sibonelela ngomzobo obonisa isikhokelo seemodyuli.
4. UKUMA KWEEMODYULI
4.1 Imodyuli nganye inamacandelo amabini, ulwazi lokufunda nokubhala (literacy) lilelo lineziphumo ezahluke ngokucacileyo kwelinye, zaze zahlanganiswa ngemixholo yezifundo.
4.2 Kwinqanaba 3 le-ABET kufakwe elinye icandelo lezifundo ukongeza ukulungiselela abafundi ukuqalisa iinkalo zezifundo eziphambili ekufuneka bezenzile (core learning areas) nezo kukhethwa ezinye zazo (elective learning areas) kwiNqanaba 4 le-ABET.
4.3 Icandelo elifakiweyo ukongeza linoku kulandelayo:
    • ISayensi neThekhinoloji, ehlanganisa imilinganiselo yemigangatho (unit standards) yeSayensi yeNdalo neThekhinoloji

    • UBomi neZakhono zeNtlalo, ehlanganisa imilinganiselo yemigangatho yeeSayensi zoLuntu nezeNtlalo kunye noLwazi ngeZakhono zoBomi

    • Izakhono zezoQoqosho nezoShishino, ezihlanganisa imilinganiselo yemigangatho yeSayensi yezoQoqosho nezoLawulo, iiSayensi zoLuntu nezeNtlalo kunye noBugcisa neNkcubeko.

4.4 Sele zenziwe izifundo ezingumzekelo weemodyuli ezahlukeneyo ukukhokela ootitshala. Ezi zifundo zingumzekelo ziya kunikwa zonke ii-CLC ekuqaleni kuka-2006. Isifundo ngasinye siya kubonelela ngale ngcaciso ilandelayo:
4.4.1 Iziphumo ezitsolileyo (SO) kunye nemigaqo yovavanyo (AC)
Ii-SO ne-AC eziya kufundiswa kwimodyuli
4.4.2 Uvavanyo lokwandlalela
Imfundo abasele benayo abafundi xa bengena kwimodyuli, iimfuno zabo zokufunda kunye nezezithintelo ekufundeni ezahlukeneyo.
4.4.3 Imeko
Ukubonelela ootitshala ngethuba lokuvelisa izicwangciso zezifundo kuthathelwa ingqalelo iimeko ngeemeko ezahlukeneyo neemfuno zabafundi.
4.4.4 Izakhono, ulwazi, iingcinga ezintle neemfundiso ezisisiseko (Skills, Knowledge, attitudes and values (SKAV)
Kuya kukhuthazwa izakhono, ulwazi, iingcinga ezintle neemfundiso ezisisiseko kwimodyuli
4.4.5 Iindlela zokufundisa
Iindlela ezicetyiswayo zokufundisa abadala
4.4.6 Iindlela zokufunda nezokuvavanya
Iindlela ezicetyiswayo zokusetyenziswa eklasini nakuvavanyo
4.4.7 Amathuba andisiweyo
Amathuba andisiweyo acetyiswayo ukulungiselela abafundi ukuba bandise ngokunzulu nangokubanzi ulwazi lwabo nokuphucula izakhono zabo
4.4.8 Izibonelelo zoncedo
Izibonelelo zoncedo ezicetyiswayo ukuxhasa le modyuli
4.4.9 Umsebenzi wokuvavanya ulwazi lomfundi
Imisebenzi ecetyiswayo eya kubonelela ngobungqina bolwazi lomfundi ngokubanzi kwimodyuli leyo (Umsebenzi wovavanyo akwaziyo umfundi kufuneka ufakwe kwiphothifoliyo yomfundi.)
4.5 ISihlomelo B sibonelela ootitshala ngemodyuli eyithempleyithi ecetyiswayo.
5. UKUQALISWA KWENKQUBO NGO-2006
5.1 Iimodyuli ezilungiswe kakuhle zamaNqanaba 1-3 e-ABET ziya kuqaliswa ngo-2006 kuwo onke amaziko afundisa amaNqanaba 1-3 e-ABET.
5.2 Ootitshala nabaphathi beesekethe abachaphazelekayo baya kufumana uqeqesho ukususela ngoJanuwari 2006 kwesi sikhokelo seemodyuli sitsha. Ingcaciso emfutshane iya kuthunyelwa kuwo onke amaziko ukuwazisa ngeentsuku neendawo ekuya kuqhutyelwa kuzo uqeqesho.
6. INKXASO
6.1 Abacebisi bekharityhulam ye-ABET abakwii-EMDC baya kusoloko befumaneka ukunika ingcebiso kubaphathi bamaziko nakootitshala.
6.2 Ukufumana inkxaso engaphezulu, umcebisi wekharityhulam wakwa-ABET uya kubiza nokuba yingcali yekharityhulam echaphazelekayo okanye uMcwangcisi weKharityhulam oMkhulu: weKharityhulam yakwa-ABET, xa kukho imfuneko yoko.
6.3 Amaziko angafumana kwakhona ingcaciso engaphezulu kwiziko lewebhu lekharityhulam yakwa-ABET apha http://curriculum.wcape.school.za/site/24/page/view/


ISAYINWE: NGU-JP RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:10:27

ISihlomelo A & B  (ubukhulu: 22 KB)