1. ISebe i-WCED lenza uphando ngenani lootitshala abasanda kuqeshwa nabangekafumani qeqesho kwi-Nkcazo yeKharityhulam kaZwelonke (National Curriculum Statement (NCS)) kunye nootitshala abaza kuqeshwa ukususela nge-1 Januwari 2006 abaya kuba bengekafumani qeqesho lulolu hlobo. Iinqununu zezikolo ezinootitshala abalolu hlobo, ziyacelwa ukuba ziphendule nge-imeyili ungadlulanga umhla we-31 Oktobha 2005 kule dilesi ye-imeyili: jmalies@pgwc.gov.za

Nceda usebenzise esi sihloko: “Newly appointed teachers needing FET NCS orientation

Makunikwe ezi nkcukacha zilandelayo kuloo myalezo we-imeyili:

  1. Igama lesikolo:

  2. I-EMDC:

  3. Inani looTitshala abasanda kuqeshwa abafuna uqeqesho kwi-NCS:
    IBakala (AmaBakala):
    Isifundo (Izifundo):
    Igama likatitshala (Amagama ootitshala):
    Awona mabanga emfundo aphezulu kwisifundo esiza (kwizifundo eziza) kufundiswa:

  4. Inani looTitshala abaqeshiweyo njengangoku nabangazange baye kuqhelaniso neFET NCS:
    IBakala (AmaBakala):
    Isifundo (Izifundo):
    Igama likatitshala (Amagama ootitshala):
    Awona mabanga emfundo aphezulu kwisifundo esiza (kwizifundo eziza) kufundiswa:

Kwizikolo apho ootitshala sele belifumene ithuba lokuqhelaniswa nezifundo mazingaphenduli.

2. Ngokuxhomekeka ekubeni ikho na imfuno, kusazanywa ukuqonda ukuba akungebikho oomasifundisane abaziintlobo ngeentlobo nabaya kuba kwiindawo ezisembindini kwii-EMDC, ukususela nge-9 ukuya kwi-12 kuJanuwari 2006. Kujongwe ukuba kubekho amalungiselelo ento esiwa phantsi kwempumlo naweehambo kootitshala abahlawulwa yi-WCED.


ISAYINWE: NGU-JP RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:10:18