1. Emva kokuphunyezwa kwesiCwangciso soKwandisa iMathematika, iSayensi neThekhinoloji (Mathematics, Science and Technology (MST) Expansion Strategy) liBhunga labaPhathiswa beMfundo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), laqalisa inkqubo yokukhetha izikolo ezingama-50 ezigxininisa kwezi zifundo iMathematika, iSayensi neThekhinoloji. Oku kwabandakanya iingxoxo zothethathwano nee-EMDC kunye neemanyano zootitshala.
2. Le nkqubo yaba neziphumo zokuba kukhethwe iiseti ezimbini zezikolo:
  • Izikolo eziyi-40 zeDinaledi, eziyinxalenye yesicwangciso sikazwelonke se-MST strategy

  • Izikolo ezili-10 ezigxininisa iMathematika, iSayensi neThekhinoloji, eziyinxalenye yesicwangciso sephondo se-MST strategy

3. Izintlu ezimbini zokugqibela zezikolo zivunywe yiNtloko yeSebe leMfundo nge-3 Oktobha 2005 kwaye ziqhotyoshelwe apha kule ngcaciso imfutshane ukukwazisa. Ezi zikolo ziza kuba zizikolo ezixhome umgangatho ngokugqibeleleyo, neziya kunika isiseko kuphuhliso olungaphezulu nolubonisa ngokwenene isilogani seDINALEDI esithi:

““Sixonxa iinkwenkwezi zangomso namhlanje"”


4. Ukuphehlelelwa ngokusesikweni nguMphathiswa weMfundo kuya kuba nge-29 Oktobha 2005 e-Cape Academy for Mathematics, Science and Technology.
5. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liyavuyisana nezi zikolo kwaye linethemba lokuba bonke abathathi-nxaxheba baya kuzinika inkxaso kwiinzame zazo zokuba zizikolo ezixhome umgangatho ngokugqibeleleyo eNtshona Koloni.


ISAYINWE: NGU-JP RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:10:18

List of Schools  (ubukhulu: 13 KB)