1. Ngo-2003 no-2004, uninzi lootitshala besiGaba seSiseko nesiPhakathi benza ikhosi eyayintsuku-ntlanu yeNgcaciso yeKharityhulam yeSizwe eHlaziyiweyo (Revised National Curriculum Statement (RNCS), lo gama amalungu eekomiti zolawulo ezikolo (school management teams (SMTs) enza ikhosi yeentsuku ezintathu okanye ezimbini. Bathenjiswa izatifikethi ootitshala namalungu e-SMT ababekho ngazo zonke ezo ntsuku. Ngenxa yokuba iirejista zekhosi zidla ngokungabi nazo zonke iinkcukacha ezifunekayo ukuze kube nokukhutshwa izatifikethi, sicela ukuba izikolo zisinike le ngcaciso ilandelayo ngetitshala nganye kunye/okanye ngelungu le-SMT ngalinye elalize ngazo zonke iintsuku ekhosini ye-RNCS yesiGaba seSiseko kunye/okanye esiPhakathi ngo-2003 kunye/okanye ngo-2004:
(a) Ifani
(b) Igama (Kungabi zii-inishiyali)
(c) Igama lesikolo (Cacisa ukuba ngaba yiPrayimari, 
    sesiDibeneyo, yiJuniya, njl. njl.)
(d) Inombolo yePESALI neyeSazisi (Iinombolo zePESALI 
    zabaqeshwa beSebe leMfundo leNtshona Koloni 
    neenombolo zeSazisi  kwabo baqeshwe libhunga 
    lolawulo lesikolo okanye ootitshala 
    abakwizikolo ezizimeleyo)
(e) Ikhosi ekwakuziwe kuyo (Cacisa ukuba ngaba 
    yeyesiGaba seSiseko okanye esiPhakathi.)
(f) Ikhosi ekwakuziwe kuyo (Cacisa ukuba yikhosi 
    yootitshala kunye/okanye yeye-SMT.)
2. Yakuba le ngcaciso ithunyelwe zizikolo siya kuyitshekisha sijonge kwiirekhodi zethu size senze izilungiso.
3. Ukuba akukho ngxelo sizifumanayo de kube ngowe-18 Februwari 2005, izatifikethi ziya kushicilelwa kusetyenziswe ingcaciso ekwiirejista zokubakho kwikhosi. Akusayi kuphinde kukhutshwe ezinye izatifikethi.
4. Kucelwa usinike ingcaciso ngootitshala asele bemkile esikolweni eso ukususela emva kokuya ekhosini.
5. Nceda uyithumele le ngcaciso kuHazel C. Visser kule nombololo yefeksi 021 467 2258 okanye e-mail Hazel Visser (hvisser@pgwc.gov.za).


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:02:08

Information required  (Adobe Acrobat .pdf - ubukhulu: 5 KB)

The following MS Word document relates to this minute/circular:
Information required  (MS WORD .doc - ubukhulu: 5 KB)