1. Izikolo ezifundisa iZifundo zeKhompyutha HG no-SG kwinqanaba leBakala 12 zifanele ukuqaphela ukuba iZifundo zeKhompyutha HG no-SG iPhepha 2 (IiMviwo zePraktikhali) kwiiMviwo zeMatriki, ukususela ngoNovemba 2005, ziya kumakishwa kwiziko ekumakishelwa kulo lephondo kunye namanye amaphepha eeMviwo zeMatriki.
2. Izikolo ezifundisa iZifundo zeKhompyutha HG kunye/okanye i-SG mazigcine kwiikhompyutha zonke iifayili ezizaliswe ngabaviwa beeMviwo zePhepha 2 kwi-CD ezazithunyelwe esikolweni eso zize zingenise i-CD ngokukhawuleza emva kokubhalwa kweZifundo zeKhompyutha HG iPhepha 2 nge-14 Oktobha 2005 ne-SG iPhepha 2 nge-02 Novemba 2005.
3. Ngoko nangoko emva kokuba zigqityiwe iimviwo ezo, umsebenzi wabaviwa kufuneka ukhutshelwe kwi-CD, ekho umgadi wabaviwa. Ikhava ye-CD mayifakwe ilebhile ibhalwe inombolo yeziko. I-CD yokulalelisela (backup CD) mayigcinwe sisikolo.
3.1 IZIFUNDO ZEKHOMPYUTHA HG:
3.1.1 KwiZifundo zeKhompyutha HG kufuneka kwenziwe ifolda yomviwa ngamnye, ifakwe ilebhile ibhalwe inombolo yomviwa, kubekho neefolda ezincinane zeJava neeDathabheyisi, ize ibe nomsebenzi womviwa wamacandelo afanelekileyo.
3.2 IZIFUNDO ZEKHOMPYUTHA SG:
3.2.1 KwiZifundo zeKhompyutha SG isihlomelo esichaza ukuba yeyiphi imibuzo abaviwa abaye bakhetha ukuyiphendula masifakwe kwi-CD. Isihlomelo esifunekayo siya kufakwa nephepha loviwo.
3.2.2 KwiZifundo zeKhompyutha SG, makwenziwe ifolda yomviwa ngamnye, ifakwe ilebhile ebhalwe inombolo yomviwa, ize ibe nawo wonke umsebenzi womviwa.
4. Nceda uqaphele ukuba umsebenzi we-HG nowe-SG mawungafakwa kwi-CD enye. Ii-CD zeZifundo zeKhompyutha HG no-SG mazibotshwe kakuhle ngumgadi wabaviwa zize zithunyelwe ngekhuriya kwakunye nekopi yerejista yokubakho kunye nesicwangciso sokuhlala kwiCandelo leeMviwo, ukuba ziqwalaselwe nguMnu E van Breda. Kwimeko apho amaziko eemviwo abhalisa abaviwa bezikolo ngezikolo, makwenziwe ifolda eyahlukileyo kwi-CD efanelekileyo yesikolo ngasinye kwizikolo ebezibhalela kwelo ziko loviwo.
5. Akukhuthazwa ukugcina umsebenzi wabaviwa kwizitifi. Nakuba kunjalo, ukuba isikolo asinako ukugcina umsebenzi wabaviwa kwi-CD, eso sikolo kufuneka sifumane imvume yokwenjenjalo kwiSebe leMfundo ngokuqhagamshelan noMnu I Francis ngale imeyili ifrancis@pgwc.gov.za okanye ngale nombolo yefoni (021) 467 2549 phambi kokuba kubhalwe iPhepha 2.


ISAYINWE: NGU-JP RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:10:12