1. Imisebenzi yoVavanyo eFanayo (ii-CTAs) yokuqala ka-2005 yabafundi beBakala 9 eyile, iMathematika, uLwazi ngeMathematika neSayensi yeMathematika (MMLMS) neziFundo ngezoBomi (LO) ziya kusiwa ngekhuriya ezikolweni kule veki izayo. Isikolo ngasinye siya kufumana, ngeenkonzo zekhuriya, iincwadana ezilinani elifanelekileyo zikatitshala nomfundi kolo lwimi lokufundisa nokufunda kweso sikolo kwezi Nkalo zeZifundo.
2. Kulindeleke ukuba ii-CTAs ze-Economic & Management Sciences (EMS) ne-Arts & Culture (A&C) zisiwe ngenkonzo yekhuriya kwiveki ye-17 Oktobha 2005.
3. Kujongwe ukuba ukusiwa kwee-CTAs okokugqibela kube sekupheleni kuka-Oktobha 2005.
4. ISebe i-WCED belikhetha ukuba zonke ii-CTAs ziye ezikolweni ngaphambi kokuqala kwekota yesine, kodwa kubekho ukulibaziseka okungabanga nakuthintelwa ekufikeni kwamaxwebhu abesetwe kuzwelonke ukuba aprintwe.
5. Ukuprintwa nokupakishwa kwamaphepha ali-14 lezigidi yinkqubo ethatha ixesha elide. ISebe i-WCED liye lathatha isigqibo sokusa ii-CTAs ezikolweni ngeebhetshi ezintathu ukwenzela ukuba abafundi bangabi kwimeko yokufuneka benze ezi CTAs kuzo zonke iiNkalo zeZifundo zosi-8 kwinyanga kaNovemba.
6. Ngako oko ke ziyacetyiswa iinqununu ukuba ziqinisekise ngokuba ootitshala beMMLS kunye neLife Oreintation baqhuba iiCTAs ngokukhawuleza nje emva kokufika kwazo. Ngokunjalo ootitshala be-EMS ne-Arts & Culture mabacwangcisele ukuqhuba iiCTAs ngokukhawuleza emva kokuziswa kwazo kwiveki ye-17 Oktobha 2005. Zonke ii-CTAs mazenziwe ngenyanga kaNovemba.
7. ISebe i-WCED linqwenela ukucela uxolo ngenkxamleko ebangelwe kukuziswa kwee-CTAs kade. Nakuba kunjalo sinethemba lokuba ootitshala nabafundi baya kuzuza lukhulu ekwenzeni ii-CTAs, ezimisela umgangatho ofanayo kubafundi beBakala 9 kwilizwe liphela.
8. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba uMgaqo-nkqubo woVavanyo ka-1998 (Assessment Policy of 1998) olawula ukupasa nokunyuselwa kwabafundi, umisela ukuba i-25% kuvavanyo lweBakala 9, mayisetwe yaye/okanye imodareyithiweyo ngaphandle. Ii-CTAs zingqinelane nalo mqathango, njengoko zisetwe ngaphandle zaza zamodareyithwa ngu-Umalusi, oyi-General & Further Education & Training Quality Assurance Body.
9. Ziya kucelwa izikolo ukuba zifake amanqaku ovavanyo rhoqo (CASS) kunye namanqaku ee-CTAs kwiimakhishithi eziza kuthunyelwa ezikolweni liCandelo leeMviwo.
10. Kucelwa nithathele ingqalelo into yokuba lo mba usingethwe kwelona nqanaba liphezulu ukuqinisekisa ukuba le meko ayizi kuphinda yenzeke kule minyaka izayo. Ingqiqo, inkxaso nentsebenziswano yenu malunga noku ziyathakazelelwa kakhulu.


ISAYINWE: NGU-JP RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:10:07