1. ISebe i-WCED lenza uphando ngenani lootitshala abasanda kuqeshwa nabangekafumani qeqesho kwi-RNCS kunye nootitshala abaza kuqeshwa ukususela nge-1 Januwari 2006 abaya kuba bengekafumani qeqesho lulolu hlobo. Iinqununu zezikolo ezinootitshala abalolu hlobo, ziyacelwa ukuba ziphendule nge-imeyili ungadlulanga umhla we-14 Oktobha 2005 kule dilesi ye-imeyili: uheydenrych@pgwc.gov.za

Nceda usebenzise esi sihloko: “Newly appointed teachers needing RNCS training

Makunikwe ezi nkcukacha zilandelayo kuloo myalezo we-imeyili:

    • Igama lesikolo:

    • I-EMDC:

    • Inani looTitshala abasanda kuqeshwa abafuna uqeqesho kwi-RNCS:


    • IsiGaba seSiseko:
      IsiGaba esiPhakathi:
      IBakala 7:
    • Inani looTitshala abaqeshiweyo njengangoku nabangazange baye kuqeqesho lwe-RNCS:


    • IsiGaba seSiseko (2003):
      IsiGaba esiPhakathi (2004):
      IBakala 7 (2005):

Kwizikolo apho ootitshala sele belifumene ithuba lokuqeqeshwa mazingaphenduli.
2. Kungenzeka ukuba kubekho ikhosi yoqhelwaniso nezifundo yeentsuku ezi-4 eCape Teaching Institute, nge-9 ukuya kwi-12 kuJanuwari 2006, okanye iikhosi zibe kumaziko esembindini kwii-EMDC, xa ngaba kukho imfuneko yoko. Kujongwe ukuba kubekho amalungiselelo ento esiwa phantsi kwempumlo naweehambo kootitshala abahlawulwa yi-WCED.


ISAYINWE: NGU-JP RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:10:06