1. ISikhokelo soMgaqo-nkqubo wezeMfundo 6 ngeMfundo eneeMfuno eziZodwa (Education White Paper 6 on Special Needs Education) uchaza ukuba inkqubo ebandakanya wonke umntu imalunga nokuxhasa bonke abafundi, ootitshala kunye nenkqubo yemfundo ngokupheleleyo, ukuze kube nokuhlangatyezwana neemfuno zezemfundo ezibanzi ngolupheleleyo. Abafundi abaninzi unangoku abaphumeleli ukuze babe nokuqhubela phambili esikolweni ngenxa yezithintelo eziziindidi ngeendidi abazifumanayo ekufundeni.
2. Njengenxalenye yesicwangciso esiqhubeka okokoko sokufumana iindlela ezintsha nezisebenza ngokwenene zokuxhasa ootitshala bakwazi ukusingatha iqela lezithintelo ekufundeni eklasini, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liye lavelisa i-CD-ROM ngeZithintelo ekuFundeni.
3. Injongo yale CD-ROM kukuba, ekusetyenzisweni kunye nayo yonke enye inkxaso efumanekayo kootitshala, kuncediswe kwinkqubo yokujongana nemeko ngamnye yomfundi apho abafundi baye bafumane izithintelo ekufundeni eklasini.
4. Le-CD-ROM iya kunceda ekwandiseni ulwazi lootitshala ngokumalunga neemeko ezithile kunye nokukhubazeka. Bexhotyiswe ngolwazi, ootitshala baya kuba nako ukuxhasa abafundi abalolu hlobo ngempumelelo ukuze bazuze koko kufundiswayo baze baphuhlise iitalente zabo baye kufika kwawona manqwanqwa aphezulu.
5. Kule CD-ROM ingcaciso ekuyo ngesithintelo ngasinye ekufundeni ilungiselelwe iinjongo zemfundo kuphela, yaye akufanelekanga ukuba isetyenziswe njengento ethatha indawo yeengcebiso zezonyango, ukujonga undonakele (diagnosis) okanye ukulungiselela unyango ngamayeza. Isenokwenza ootitshala bee qwaa bakwazi ukuqaphela iimeko apho kufuneka kucelwe uncedo lobungcali kwiCandelo leeNkonzo zoKunika iNkxaso (Support Services) okanye lukagqirha. Nakuba kunjalo, akufanelekanga ukuba ootitshala basebenzise le ngcaciso ukulebhelisha okanye ukubeka abafundi ibala elibi (stigmatise) nangayiphi na indlela.
6. I-CD-ROM ineengcebiso zokufundisa namacebo okuxhasa umfundi eklasini:
  • Ezi ngcebiso zokufundisa nala macebo afanele ukuba enziwe abe yinxalenye yeProgram yeZifundo kwisigaba eso.

  • Njengoko elowo nalowo umfundi engafani nomnye (unique), iingcebiso zokufundisa namacebo acetyiswe kule CD-ROM akanako konke konke ukusetyenziswa kumntu wonke ngokufana twatse, koko acebisa malunga nezinto ngokubanzi nekufuneka zilungiswe apha naphaya ukuze zilungele iimfuno zomfundi ngamnye apho kuyimfuneko. Kwakuba nje kuvele imfuneko yesicwangciso ngasinye sokuxhasa umfundi othile, masenziwe sibe yiProgram yezeMfundo Yalowo Mfundi (Individualised Educational Programme) (IEP) size sigcinwe kwiProfayili yoMfundi.

  • IiProgram zezeMfundo Zalowo Nalowo Mfundi ezenzelwe abafundi abaneemfuno zemfundo ezizodwa zifanele ukwenziwa ngokuncedisana neKomiti yeSikolo yokuNika iNkxaso ooTitshala (Teacher Support Team) kunye neKomiti yeSithili se-EMDC yokuNika iNkxaso (EMDC’s District Support Team).

7. Le CD-ROM iyafumaneka kwa-Edumedia nge-R20.00 ikopi nganye (kungafakwanga ukubotshwa nokuposwa). Ukukwenzela lula kuqhotyoshelwe kolu xwebhu ifom yoku-odola efumaneka kwikhompyutha.
8. Siya kuzithakazelela izimvo zenu ngale CD-ROM, ezigxekayo nezakhayo.
Iinkcukacha zoqhagamshelwano:
Ms Kobie Kitshoff
Kkitshoff@pgwc.gov.za
Ifeksi:021 467 2620
9. Siyathemba ukuba ingcaciso ekule CD-ROM iya kwenza igalelo elakhayo ekuncediseni ootitshala benze izicwangciso zokuphucula impumelelo ezifundweni kubo bonke abafundi nokubonelela iimfuno zabo ngokwenene ngokuthi bahloniphe iiyantlukwano zabo bavuyele ezo nto bafana ngazo.


ISAYINWE: JP RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:09:30

Edumedia order form  (ubukhulu: 65 KB)