1. Okuthunyelwa nolu xwebhu sisicwangciso samaxesha afanayo sokubhala uviwo lweMfundo yaBadala lwabafundi beNqanaba 3 ngo-Oktobha nangoNovemba 2005.
2. Ezi mviwo ziqala nge-31 Oktobha 2005 zize ziphele nge-3 Novemba 2005. Inkalo yesifundo nganye iya kubhalwa ukususela ngo-18:00 kuye ku-20:30. Olu viwo lubonelelwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni ukunceda abafundi baphuhlise izakhono eziyimfuneko zokubhala iimviwo zeNqanaba 4. Ayacelwa ke ngoko amaziko emfundo ukuba alandele ngqo isicwangciso samaxesha okubhala yaye aluqhube olu viwo ngokufanayo nolo lweNqanaba 4.
3. Ukulungiselela iinjongo zezolawulo, kubalulekile ukuba abaphathi bamaziko oluntu babe kumaziko lawo phambi kokuqala kweseshoni nasekupheleni kweseshoni yoviwo nganye.
4. Ukuba uvavanyo lweziko lwenzelwa kumasango esikolo esiqhelekileyo, umphathi weziko lemfundo yoluntu makenze amalungiselelo kwangethuba okuba kusetyenziswe igumbi elinqatyisiweyo, isakhiwo sezolawulo, amagumbi okufundisela namancedo ezindlu zangasese (ablution facilities), njl. njl.
5. Amaziko makanike bonke abaviwa bawo nootitshala isicwangciso samaxesha okubhala ngokukhawuleza ukwenzela ukuba babe nako ukwenza izicwangciso zokugqibela zokulungiselela uviwo.
6. Abaphathi bamaziko mabakhumbuze bonke abaviwa babo ukuba kufuneka bavelise izazisi zabo neeleta zokuvunyelwa kwabo ukuhlalela iimviwo phambi kokuba kuqale iseshoni yoviwo nganye.
7. Iya kuthakazelelwa kakhulu into yokuba unokwazisa abaviwa iminqweno emihle yeemviwo esuka kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni.


ISAYINWE: NGU-JP RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:09:21

ASSESSMENT TIMETABLE: ABET LEVEL 3 ASSESSMENT  (ubukhulu: 12 KB)