1. ISebe leMfundo likazwelonke kunye namasebe emfundo amaphondo olithoba, esebenzisana noFirst National Bank, kwakhona aza kuququzelela umNyhadala kaTirisano woMculo weeKwayara zeZikolo ezikolweni eziziprayimari nezizisekondari ngo-2005.
2. Lo mnyhadala wenze amalungiselelo ala macandelo alandelayo:
(a) AmaBakala R - 2
(b) AmaBakala R - 4
(c) AmaBakala 5 - 7
(d) AmaBakala 8 - 9
(e) AmaBakala 10 - 12
3. Kukhethwe amaculo amakasetyenziswe kulo ngalinye lala macandelo. Iikwayala ezinganqweneli kusebenzisa amaculo akhethelwe amacandelo zinokulungisa amaculo azo ezizikhethele wona.
4. Imijikelo yokukhetha iikwayala zokudlulela phambili kukhuphiswano iya kuba kwindawo ekwisithili se-EMDC nganye ngo-Apreli noMeyi. Ezona kwayala zigqwesileyo apho kunye nabo bacula ngabodwa abagqwesileyo kwisithili se-EMDC nganye baya kuthatha inxaxheba kukhuphiswano lokugqibela lwephondo eKapa ukususela kowe-27 kuye kowe-29 Meyi 2005.
5. Ezona kwayala zigqwesileyo nabo bagqwesileyo kwabacula ngabodwa kwiphondo ngalinye baya kumela iphondo labo kukhuphiswano lokugqibela lukazwelonke eGoli ukususela kowe-7 kuye kowe-10 Julayi 2005.
6. Ziyacelwa zonke izikolo ukuba zithathe inxaxheba kulo nyhadala womculo. Imithetho elawula uthatho-nxaxheba kunye namaculo amiselweyo zifumaneka kwaba Bacebisi ngezeKharityhulam (bezoBugcisa neNkcubeko) balandelayo:
I-EMDCUMcebisi ngezeKharityhulamInombolo yoqhagamshelwano
Metropole CentralMr J. Cowan021 6594300
Metropole EastMs A. Joubert
Ms B. Pretorius
021 900 7000
Metropole NorthMr K. Tabisher021 938 3000
Metropole SouthMs I. Bruce021 370 2000
West Coast/WinelandsMr L. du Preez021 860 1200
Breede River/OverbergMs C. Ross023 348 4600
South Cape/KarooMr J. Theodore044 803 8300

7. Iifom zokungenela ezizaliswe zonke iinkcukacha mazifike kuMcebisi ngezeKharityhulam ochaphazelekayo ungadlulanga umhla we-28 Februwari 2005.
8. Kucela wazise okubhalwe kule ngcaciso emfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:01:26