1. Oku kubhekiselele kwiSetyhula 0047/2005.
2. Iintsuku ezi-5 zokuqhelaniswa nezifundo (08:30 – 16:00 usuku ngalunye) ziqala ngoMvulo we-26 Septemba 2005 ziqhube de kube ngoLwesihlanu we-30 Septemba 2005, xa kuya kube kuphela iseshoni yokugqibela ngo-15:00.
3. Iintsuku ezi-3 zokuqhelaniswa nezifundo (08:30 – 16:00 usuku ngalunye) ziqala ngoLwesithathu we-28 Septemba 2005 ziqhube de kube ngoLwesihlanu we-30 Septemba 2005, xa kuya kube kuphela iseshoni yokugqibela ngo-15:00.
4. Ukuqhelaniswa nezifundo koqhubeka kwezi zifundo zilandelayo:

Tourism, Mathematical Literacy, Economics, Computer Applications Technology (CAT), Agricultural Sciences nakwezi zifundo zine zeThekhinoloji (Civil Technology, Electrical Technology, Mechanical Technology, Engineering Graphics and Design).

5. Nangona iinqununu zaziceliwe ukuba zibhalise ootitshala bazo ungekadluli uLwesihlanu we-26 Agasti 2005, bamkelwa nabo babhalisa emva kwexesha kwade kwangoMvulo we-5 Septemba 2005. Akusayi kuphinda kwamkelwa abanye abantu ababhalisayo njengoko sele enziwe onke amalungiselelo.
6. Ziyabongozwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba bonke ootitshala bawalandela ngqo la malungiselelo. Zaba ninzi iingxaki zamalungiselelo ezabakho ngethuba lokuqhubeka koomasifundisane ngoJuni-Julayi ngokusuka ootitshala batyeshele amalungiselelo awayenziwe; uninzi lootitshala ababengabhalisanga baya kwiindawo zoomasifundisane, lo gama abanye bathi bengafumananga mvume yoko, bazitshintsha iindawo (venues) ekwakuza kuqhubekela kuzo oomasifundisane. Oku kwabangela ukunqongophala kwamaxwebhu awayenikwa ababezile, ingxinano kwiindawo zokuqhubela oomasifundisane namalungiselelo okutya anganelisiyo.
7. Ngenxa yokufunwa ngamandla kwezi zifundo Mathematical Literacy, Economics, Computer Applications Technology ziya kwenzelwa kwii-EMDC kwiimeko ezivumela oko. Ukulungiselela ukuba kube lula ukufakwa kwezicelo zamabango entlawulo, kufuneka ootitshala baye kwaba masifundisane bee-EMDC kwizithili zee-EMDC ekukho kuzo izikolo zabo – hayi kwindawo ekufutshane kakhulu namakhaya abo.
8. Ngenxa yamanani amancinane kwezi zifundo Tourism, nakwezi zifundo zeThekhinoloji (Civil Technology, Electrical Technology, Mechanical Technology, Engineering Graphics and Design) oomasifundisane baya kuqhutyelwa kwiindawo ezisembindini (centralised workshops).
9. Amagama ezikolo ezibhalisileyo, neendawo ekuya kuqhutyelwa kuzo oomasifundisane bokuqhelaniswa nezifundo ziboniswe kwiSihlomelo A. Ziyacelwa iinqununu ukuba zidlulise le ngcaciso ngokukhawuleza kootitshala abachaphazelekayo. Kuphela ngootitshala ababhalisileyo baze babelwa iindawo ezizezabo abaya kufumana amaxwebhu okuqhelaniswa nezifundo yaye babuyiselwe ngazo naziphi na iindleko zohambo ukuya kwiindawo zokuqhubela oomasifundisane.
10. Ngenxa yokunqongophala kwemali kwiSebe leMfundo, ootitshala baya kubonelelwa kuphela ngesidlo sasemini esilula (light lunch). Kuya kubakho iti okanye ikofu kusasa nangenjikalanga.
11. Ootitshala baya kubuyiselwa ngeendleko zabo zohambo. Ngako oko ke kubalulekile kakhulu ukuba utitshala ngamnye eze nezi zinto zilandelayo kumasifundisane:
11.1 Inombolo yePesali yakhe
11.2 Iinkcukacha zobhaliso lwesithuthi asisebenzisayo ukuya kumasifundisane.
12. Ootitshala abasebenzisa izithuthi zikawonke-wonke kufuneka baqhoboshele iirisithi kumabango abo entlawulo ukubonisa iindleko zohambo.
13. Apho ootitshala basebenzisa iteksi kwezohambo, izicelo zabo zamabango entlawulo mazihambe kunye neerisithi ababezinikiwe okanye neleta esuka kwinqununu yabo echaza iindleko ezenziweyo. Utitshala ngamnye makafake ibango lentlawulo ngokwahlukileyo angadityaniswa yaye malingqinwe elo bango lentlawulo.
14. Ootitshala ababhalisileyo abeze komnye woomasifundisane abakwindawo esembindini (centralised workshops) kwezi zifundo Tourism or Agricultural Science okanye kwesinye sezi zifundo zine zeThekhinoloji baya kubuyiselwa ngeendleko zohambo kunye nezokulala ezifanelekileyo (reasonable expenses).
15. Akukho titshala uya kubuyiselwa ngeendleko zohambo okanye zokulala ukuba usuka kwindawo achithele kuyo iholide yakhe.
16. Ootitshala mabafake onke amabango abo kubacebisi ngezekharityhulam ngokwee-EMDC zabo, abaya kuthi bona babeke iliso kwiindleko ezenziweyo zibe phantsi lolawulo.
17. Bayacelwa ootitshala ukuba baphathe la maxwebhu alandelayo koomasifundisane bokuqhelaniswa nezifundo (La maxwebhu athunyelwa kuzo zonke izikolo yaye engasayi kuphinda akhutshwe kwakhona liSebe leMfundo leNtshona Koloni.):
17.1 Ingcaciso ngesifundo esichaphazelekayo
17.2 The ELRC Policy Handbook for Educators (2003)
17.3 The Draft White Paper on e-Education (2003)
17.4 Olu xwebhu Analysis of New Knowledge, Skills, Methodology, IT and Assessment) (olwanikwa bonke ootitshala bezifundo ngo-2004 ngethuba lokuqhubeka koomasifundisane bokuchaza okuqulathwe zizifundo (subject scoping workshops)
17.5 Uxwebhu iSubject Information Guide (olwanikwa bonke ootitshala ngo-2004 ngethuba lokuqhubeka koomasifundisane bokuchaza okuqulathwe zizifundo)
18. Ootitshala baya kufumana la maxwebhu alandelayo koomasifundisane bokuqhelaniswa nezifundo:
18.1 Uxwebhu olusisikhokelo kwiprogram yezifundo (subject learning programme)
18.2 Iinguqulelo zesi-Afrikansi zeengcaciso zezifundo, apho kuyimfuneko
18.3 Incwadana esisikhokelo (manual) yomthathi-nxaxheba kwikhosi leyo
18.4 Umqulu onguvimba ongezifundo zikamasifundisane (subject workshop resource pack) (Uya kuguqulelwa kwisi-Afrikansi uze uthunyelwe ngekota yesithathu, apho kuyimfuneko.)
19. Ekwenzeni amalungiselelo oomasifundisane bokuqhelaniswa nezifundo, bayakhuthazwa ootitshala ukuba baye ku (http://curriculum.wcape.school.za) baze bakuphele uxwebhu (download) olusihloko sithi The National Senior Certificate). A qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF).
20. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu, ungaqhagamshelana nomququzeleli wephondo we-WCED FET, uMnu T Smit, ngale nombolo yefoni 021 467 2630 okanye ngale dilesi ye-imeyili tcessmit@pgwc.gov.za


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:09:15

Isihlomelo A  (ubukhulu: 47 KB)