1. Intshayelelo
1.1 Ukumodareyithwa kovavanyo oluqhubekela ezikolweni (site-based assessment) yi-EMDC yinkqubo efunekayo yokuqinisekiswa komgangatho (quality assurance) njengoko itshekisha ukuthotyelwa komgaqo-nkqubo yaye ivumela ukunikwa kwengxelo ngobekuqhubeka esuka kootitshala nakubaphathi bamaziko.
1.2 Abacebisi be-EMDC ngoku basebenzisa isixhobo sokumodareyitha iiphothifoliyo zabafundi nootitshala iABAS 3a/b (ABAS 3a/b moderation tool) kumaziko emfundo yabadala.
1.3 Amanqaku ovavanyo oluqhubekela ezikolweni anikwa ngamaziko ebhalwe kuxwebhu lwamanqaku iABAS 2 avunywa ngabacebisi bezekharityhulam, abathumela amanqaku kwishedyuli esekhompyutheni enikwa liCandelo leeMviwo (Examinations Directorate).
2. Intlanganiso yephondo yokungqinisisa inkqubo
2.1 Ziyacelwa ii-EMDC ukuba zithumele umcebisi wazo wekharityhulam yakwa-ABET kwintlanganiso yephondo yokungqinisisa inkqubo yeSebe leMfundo leNtshona Koloni eya kuqhubeka ngomhla we-4 nowe-5 Oktobha 2005 eCape Town Teacher’s Centre eMolteno Road, eClaremont, eKapa. I-ajenda yale ntlanganiso ihamba kunye nale le ngcaciso emfutshane.
2.2 Kufuneka umcebisi eze nesampula emele (representative sample) iiphothifoliyo zabafundi benkalo nganye yesifundo kule ntlanganiso, apho amagosa ephondo aya kwenza ungqinisiso aze anike nengxelo ngobekuqhubeka. Iiphothifoliyo zifanele ukuba zimele onke amaziko aye abhalisela uvavanyo luka-Oktobha 2005 yaye kufanele zibandakanye zonke iiphothifoliyo ezimodareyithiweyo.
2.3 Ukongeza, abacebisi ngezekharityhulam kufuneka babonelele la maxwebhu alandelayo naya kusetyenziselwa ukungqinisisa inkqubo kwisithili se-EMDC:
  • Iingxelo zokumodareyitha zesithili se-EMDC- kubandakanywa iingxelo zokusekwa kwemigangatho kunye nentlanganiso yokubeka iliso eyayibanjelwe kwisithili se-EMDC
  • Iifayili zokumodareyitha ze-ABET CA ezineefom zokumodareyitha namaxwebhu omgaqo-nkqubo
  • Iiphothifoliyo zootitshala zeziko ngalinye kwinkalo yesifundo nganye kufuneka zihambe kunye neephothifoliyo zabafundi njengoko iimodareyitha zephondo ziya kumodareyitha iisampula zeephothifoliyo njengenxalenye yenkqubo yokungqinisisa.
2.4 Ukwenza lula umthwalo wokuthutha iiphothifoliyo ezininzi kakhulu, ubuncinane zintlanu iiphothifoliyo kwiziko ngalinye nakwinkalo yesifundo nganye ekufuneka kuziwe nazo entlanganisweni. Apho kukho abafundi abambalwa kunesihlanu ababhalisele inkalo yesifundo, kufanele zonke iiphothifoliyo kuziwe nazo kwintlanganiso leyo.
3. Intlanganiso kaUMALUSI-ABET yeNqanaba 4 yokungqinisisa inkqubo
3.1 Iimodareyitha ezintathu zikaUMALUSI ziya kundwendwela eNtshona Koloni ngomhla we-6 nowe-7 Oktobha 2005 ukuza kwenza ungqinisiso lokumodareyithwa kovavanyo oluqhubekela esikolweni lweABET kwiNqanaba 4. Ziya kungqinisisa ukumodareyithwa kweephothifoliyo kwezi nkalo zezifundo zilandelayo:
  • I-LLC: kwisiNgesi
  • IiSayensi zoQoqosho nezoLawulo
  • EzoLwazi ngezoBomi
3.2 I-ajenda yale ntlanganiso ihamba kunye nale ngcaciso emfutshane yaye abacebisi ngezekharityhulam bayacelwa ukuba baye kule ntlanganiso. Kufuneka beze ubuncinane neephothifoliyo ezilishumi zeziko ngalinye kwinkalo yesifundo nganye kwezi nkalo zezifundo zintathu zikhankanywe apha ngentla. Apho abafundi ababhalisele uvavanyo luka-Oktobha bangaphantsi kweshumi, kufuneka kuziwe entlanganisweni nazo zonke iipothifoliyo.
3.3 Iiphothifoliyo zootitshala zeziko ngalinye kwinkalo yesifundo nganye kufuneka zihambe kunye neephothifoliyo zabafundi njengoko iimodereyitha zephondo ziya kumodareyitha iisampula zeephothifoliyo njengenxalenye yenkqubo yokungqinisisa.
3.4 Ukongeza, iimodareyitha zoUMALUSI ziya kubamba intlanganiso eyodwa yokunika ingxelo ngobekuqhubeka kootitshala abafundisa ezi nkalo zintathu zezifundo. Aba titshala bayamenywa ukuba baye kwintlanganiso ngomhla we-7 Oktobha ukususela ngo-13:30 ukuya ku-15:30.
3.5 Ziyacelwa ii-EMDC ukuba zazise uMnu J. Parbhoo (jparbhoo@pgwc.gov.za) phambi komhla wama-21 Septemba 2005 malunga nenani lootitshala kwizithili zazo abanqwenela ukuya entlanganisweni.
4. Kubaluleke kakhulu ubukho kwabacebisi ngezekharityhulam bakwa-ABET kule ntlanganiso ekunikeni ingxelo ngobekuqhubeka kumaziko, yaye mabenze zonke iinzame zokuba babekho.


ISAYINWE: NGU-JP RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:09:15

ABAS 3b: Site Based Assessment Moderation Tool for Curriculum Advisors  (ubukhulu: 14 KB)
ABAS 2: ABET LEVEL 4 Site Based Assessment Mark Sheet  (ubukhulu: 15 KB)
Isihlomelo A: Intlanganiso Yephondo Yongqinisiso Lwenkqubo  (ubukhulu: 14 KB)
Isihlomelo B: Intlanganiso Ka-Umalusi Yongqinisiso Lwenkqubo  (ubukhulu: 13 KB)