1. Ziyacelwa iinqununu ukuba zifunde le Ngcaciso eMfutshane DEA/0029/2005, yomhla we-3 Juni 2005, ukuze zifumane ingcaciso ngokubhekiselele kwii-CTA, ingakumbi ngokumalunga nemiyalelo ebhekiselele kubungakanani bexesha elabelwe i-CTA nganye. Nceda uqaphele ukuba olu lwabiwo lubhekiselele kubungakanani obucetyiswayo belona xesha lincinane malinikwe kwanokuba abafundi banokuthatha ixesha elide ngaphezu koku ukugqiba imisebenzi yabo.
2. Kubalulekile ukuba kukhunjulwe ukuba imisebenzi kufuneka yenzelwe kwindawo efanekileyo ebanika inkuthazo abafundi.
3. Ngenxa yokuba kubekho ukulibaziseka ekulungiseleleni nasekuqinisekiseni umgangatho wee-CTA kwinqanaba likazwelonke, ukuziswa kwazo ezikolweni kuye kwahlehliselwa kwikota yesine, ekuyeni ekuphelelni kuka-Oktobha. ISebe liva kakubi ngenxa yoku kulibaziseka.
3.1 Xa kunokwenzeka ziya kusiwa ezikolweni kwasekuqaleni ku-Okthobha.
3.2 Kuya kuthunyelwa enye ingcaciso emfutshane ezikolweni ukuzazisa ukuba leliphi na ixesha emazilindele ngalo ukuziswa kwazo.
3.3 Ootitshala bangaqalisa ukuqhubeka nokubhalwa kwee-CTA nje ukuba babe bakulungele ukwenza oko, zakuba zizisiwe ii-CTA.
4. Ii-CTA ziya kuziswa ngeebhokisi kwaye aziyi kufakwa eziplastikini ezitywiniweyo. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba zizivule iibhokisi zikhe zizijonge ii-CTA zakuba zizifumene ukuqinisekisa ukuba ayenziwa onke amalungiselelo, afana nokubonelelwa ngezixhobo okanye izibonelelo zokuncedisa ezifanelekileyo ukwenzela ukuba kuqhutywe le nkqubo kakuhle kungekho magingxi-gingxi. Izikolo maziqaphele ukuba iimephu eziya kubonelelwa mazigcinelwe ixesha elizayo ukuze zisetyenziswe njengezibonelelo zokuncedisa ukufunda.
5. Imibuzo emalunga nobhaliso lwabafundi ingabhekiswa kuMnu L van Gensen kule nombolo yefoni: (021) 467 2976 ize emalunga nokuziswa kwee-CTA, ibhekiswe kuMnu C Berry kule nombolo yefoni (021) 467 2265.
6. Kuya kufuneka abafundi bazigqibe iiCTA nge-21 Novemba 2005 ukuze kubekho ixesha elaneleyo lokufakwa kwedatha zizikolo.
7. Ukufakwa kwedatha makwenziwe ngepensile kumaxwebhu edatha ukwenzela injongo yokuskenwa ngekhompyutha (electronic scanning). Imiyalelo epheleleyo yokufakwa kwedatha iya kunikwa kwingcaciso emfutshane yoviwo eya kuhanjiswa kunye neeCTA.
8. Ii-EMDC ziya kuchophela inkqubo yokumodareyitha ngokwemihla yeeshedyuli zazo ebhengeziweyo. Ukuba ii-CTA ziye zagqitywa zaza zavavanywa ngaphambi kwemihla ecwangcisisweyo yokumodareyitha, obo bungqina ke makuziwe nabo kwiikomiti zokumodareyitha ezisebenza kunye (clusters).
9. Amaxwebhu edatha agqityiweyo angangeniswa ngesandla kwaba: abaMnu L van Gensen okanye L van Harte apha Room 417, Grand Central Towers, Lower Plein Street, Cape Town. Kungenjalo kufuneka izikolo zifonele inkampani yekhuriya kule nombolo: (021) 531 9191 ukuba ize kuqokelela amaxwebhu akuba nje egqityiwe. Onke amaxwebhu makabe kwaNdlunkulu nge-2 Disemba 2005.
10. Izikolo maziqaphele ukuba la maxwebhu edatha akathathi ndawo yeshedyuli yokupasa kwabafundi emayizaliswe ngesandla okanye ngekhompyutha ukuze ingeniswe kwikomiti ejongene nemiba ngemiba yezemfundo ye-EMDC ngendlela eqhelekileyo.
11. Ishedyuli yokupasa kwabafundi ka-2005 iyafana neshedyuli ka-2004. Ngaphandle nje kokushiywa kweCandelo B le-CTA, iinkqubo zokwenza iitotali zamanqaku kunye nokugcinwa kweerekhodi zika-2005 ziyafana nezika-2004.
11.1 Uhlobo loxwebhu lweMS Excel kwikhompyutha nolunceda ekubaleni lungafumaneka kweli ziko lewebhu: http://curriculum.wcape.school.za kwiqhagamshela (link) elithi “Assessment (GET and FET)”, phantsi kwesihloko “Resources” and “Grade 9 Data Capture Instrument”.
11.2 Uhlobo lweMS Word yolu xwebhu lukwafumaneka kwakweli qhagamshela (link) linye phantsi kwesihloko esithi “Promotion Schedule for Grade 9 2005”.
12. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede zikwazise okukule setyhula bonke abo bachaphazelekayo ukwenzela ukuba ootitshala, abafundi nabazali bazi ukuba ii-CTA ziza kuba yinxalenye yeprogram yekota yesine.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:09:05