1. Uvavanyo lwabafundi beBakala 3 olwaqhutywa liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) ngo-2004 lwabonakalisa ukuba umgangatho wolwazi lokufunda nokubhala kubafundi abaninzi kufuneka uphuculwe. ISebe i-WCED ngenxa yoku likhangela likwaphumeza iindlela ekunokunikwa ngazo inkxaso noncedo kootitshala nakwizikolo ukuze bancediswe ekuphuculeni umgangatho wolwazi lokufunda nokubhala. Enye yezi ndlela kukubonelela ngenkxaso noqeqesho kulwazi lokufunda nokubhala kwabantwana abaselula.
2. Sekwenziwe uphando olubanzi, nolungqiniweyo noluvunyiweyo lokuba uphuhliso lolwazi lokufunda nokubhala lusuka ezantsi kumava angaphambili olwazi lokufunda nokubhala kwabantwana abaselula, ngexesha lobuncinane ekukhuleni komntwana, kwaye ngoko ke kubalulekile ukuba la mava angaphambili okufunda nokubhala ayaqatshelwa aze anikwe ingqwalaselo efanelekileyo.
3. ISebe i-WCED liza kuqhuba ikhosi efundisa ngokunzulu yeentsuku ezi-3 yolwazi lokufunda nokubhala kwabantwana abaselula eyenzelwa ootitshala beBakala R ukukhuthaza ukuba bazi yaye baqonde ukubaluleka kwesiseko esomeleleyo solwazi lokufunda nokubhala kwabantwana abaselula nesiya kuba yimpumelelo kamva ekufundeni nasekubhaleni.
4. Injongo yale khosi kukuphuhlisa ingqiqo nobuchule bokwazi kootitshala beBakala R ukuphuhlisa izakhono ezifanelekileyo zolwazi lokufunda nokubhala lwangaphambili kubafundi beBakala R, ukwenzela ukulungiselela aba bafundi iimfuno zekharityhulam yamaBakala 1 - 3.

Abathathi-nxaxheba kule khosi baya kuba nako ukwenza oku kulandelayo:

  • Ukuqonda izinto ezifanayo nezahlukileyo phakathi kweengqiqo (concepts) zolwazi lokufunda nokubhala kwangaphambi nezo zolwazi lokufunda nokubhala.

  • Ukuchaza ukuba ulwazi lokufunda nokubhala lwangaphambili luba sisisseko sokuphuhliswa kolwazi lokufunda nokubhala ngempumelelo

  • Ukucacisa imiGangatho yoVavanyo yaBakala R kwiNkalo yokuFunda uLwimi, uLwimi lweNkobe noLwimi lokuQala oLongezelelweyo, kugxininiswa ngakumbi kuphuhliso lolwazi lokufunda nokubhala lwangaphambili.

  • Ukuvelisa imisebenzi evangiweyo emayifundiswe nemayifundwe yeBakala R ephuhlisa ulwazi lokufunda nokubhala lwangaphambili, izakhono, iziseko ezizizo nemikhwa emihle

  • Ukuqaphela imiqobo eqhelekileyo ekufundeni ethi ibenefuthe kuphuhliso lokufunda nokubhala kwangaphambili.

5. Ikhosi iya kwenziwa kwiziko elinye kwi-EMDC nganye ngexesha leholide yezikolo kaSeptemba ngolu hlobo lulandelayo:
EMDCUmhlaIndawoIinkcukacha zomququzeleli weSebe i-WCED nezoqhagamshelwano
South Cape & Karoo26, 27, 28EMDCNtsiki Guga
iFoni: 044-8038318/0834624961
West Coast & Winelands26, 27, 28Laerskool Dirkie UysZaida Davids
iFoni: 021 8601587/073 434 186
East26, 27, 28CTI LibraryNonkomfa Makewane
iFoni: 021 9007048/083 207 2668
South26, 27, 28EMDC BoardroomLesley Pearson
iFoni: 021 3724521 / 083 969 1465
Central29, 30, 01Cape Town Teachers CentreSaras Pillay
iFoni: 021 6594347/ 083 3575003
North29, 30, 01Parow West PSSuzette de Villiers
iFoni: 021 938 3013 / 082 551 4460
Breede River & Overberg29, 30, 01EMDCMadeleine Siddle
iFoni: 023 348 4608 / 082 896 1043

6. Ootitshala beBakala R abafundisayo ngoku kwiiklasi ezibhalisiweyo zeSebe i-WCED ezisezikolweni okanye eziphantsi kwezikolo zikarhulumente eziqhelekileyo eziziprayimari nezikolo ezizimeleyo ezizipri-prayimari bafanelekile ukuba baye kule khosi. Nangona kunjalo, ukuthatha inxaxheba kule khosi ukwenza ngokuzithandela yaye kuya kuthathwa kwikhosi nganye ootitshala abayi-30 kuphela ababhalisileyo.
7. Ngokusebenzisa ingqiqo yayo, ii-EMDC ziya kukhupha isimemo esimema izikolo ngokubanzi okanye zimeme ezo zikolo zizanelisayo iimfuneko ezibekwe yi-EMDC kwangaphambili ezifana nokuba kufutshane kwindawo enekhosi, nokuba nolwazi ngekhosi zoqeqesho ezizezinye. Ii-EMDC ziza kuqhagamshelana nezikolo ngokukhawuleza kwaye zonke iifom zobhaliso ezifakwe zonke iinkcukacha mazibuyiselwe kwi-EMDC ngaphambi okanye nge-13 Septemba 2005. Nje ukuba utitshala amkelwe aze abhaliswe kule khosi, uya kunyanzeleka ukuba abekho, ukungaphumeleli kwakhe ukuza kuya kubangela ukuba kubuyiswe ezo ndleko zalo nkcitho ingabanga neziqhamo ngokuzixhuzula kwimali yesikolo. Yonke imibuzo ngokunxulumene nobhaliso nemiba yekhosi mayibhekiswe kumququzeleli we-EMDC ochaphazelekayo ofakwe kuluhlu lwetheyibhile engentla apha.
8. Abathathi-nxaxheba baya kucelwa ukuba beze nezinto zabo zokubhala kwakunye nala maxwebhu mathathu alandelayo omgaqo-nkqubo weNkcazo yeKharityhulam aZwelonke eHlaziyiweyo AmaBakala R -9 (Izikolo):
  • Overview

  • Languages Learning Area Statement – Home Language

  • Languages Learning Area Statement - First Additional Language

Ukuba abathathi-nxaxheba abawafumananga la maxwebhu, iseti yawo ingafumaneka kwi-EMDC ekhosini.

9. Kufuneka amalungiselelo athile ukuze ubani abe nako ukuthatha inxaxheba ephambili kule khosi. Abathathi-nxaxheba kufuneka bakwazi okuqulethwe ngala maxwebhu: Overview, Languages Learning Area Statements for the Home Language and First Additional Language kwezo lwimi zichaphazelekayo zabafundi babo.
10. Ootitshala ababhaliso lwabo luvunyiweyo bangenza amabango eendleko zabo zehambo.
10.1 Le nkxaso-mali neya kuhlawulwa kube kanye qha, ngokuxhomekeka ekubeni iSebe i-WCED lifumana ifom yebango ezalisiwe ngokuchanekileyo kwindawo enekhosi:
  • 20 - 50 km xa zizonke iintsuku ezi-3: R75-00

  • 51 - 75 km : xa zizonke iintsuku ezi-3: R85-00

  • 76 -100 km : xa zizonke iintsuku ezi-3: R95-00

  • + 100km : xa zizonke iintsuku ezi-3: R100-00

10.2 Kuya kufunwa le ngcaciso ilandelayo xa kusingathwa amabango eehambo:
  • Inombolo yePesali (ukuba kuyasebenza oku)

  • Inombolo yesazisi (ID)

  • Umgama wehambo ngeekhilomitha ukusuka kwindawo ahlala kuyo ukuya kwindawo yekhosi.

10.3 Ziyacelwa iititshala ukuba ziqinisekise ukuba iifom zokwenza amabango, ezizaliswe zonke iinkcukacha ngokuchanekileyo nezingqiniweyo zingeniswa kumphathi wendawo yekhosi phambi kokuphela kwekhosi. ISebe i-WCED liva kabuhlungu xa amabango entlawulo aye akhatywe ngenxa yeenkcukacha ezingachanekanga okanye ngenxa yokungeniswa mva kuba lawo mabango akayi kuhlawulwa.
11. Isidlo esilula neziphungo ziya kufumaneka ngentlazane nangexesha lesidlo sasemini.
12. ICandelo loPhuhliso lweKharityhulam lilamkela ngezandla ezishushu eli thuba lokuba kunikwe inkxaso kootitshala beBakala R kwindima yabo ebaluleke ngokungathethekiyo ekuphuhliseni isiseko esiluqilima solwazi lokufunda nokubhala kubafundi bethu abasebancinane.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:08:29