1. INkonzo yeNgcaciso kuZwelonke kwiMfundo ePhakamileyo (National Information Service for Higher Education (NISHE)) ivelise incwadi esihloko sithi Grade 9 Guide – Into Higher Education, neya kuthunyelwa kuzo zonke izikolo zeli phondo ezifundisa iBakala 9. Ukuthunyelwa kwesi siKhokelo kuza kusingathwa liSebe leMfundo kuZwelonke nokuya kwenzeka phakathi kukaSeptemba no-Oktobha 2005.
2. Esi siKhokelo siya kubonelela abafundi beBakala 9 ngengcaciso malunga namathuba emfundo ephakamileyo kwaye siya kubanceda ekubeni benze izigqibo benolwazi malunga nokuzikhethela amakhondo omsebenzi (careers) nezifundo zabo. Le ncwadi inokusetyenziswa kwakhona ngabafundi beCandelo le-FET, ngokubanzi.
3. Ingcebiso enikwa abafundi beBakala 9 ngokufunda le ncwadi yinxalenye yeemfuno zeziphumo zeSifundo soLwazi ngezoBomi zoku kulandelayo:
  • C2005 (1997): SO1, SO5 and SO6;

  • neRNCS (2002): LO1 ne LO5

4. Isikolo ngasinye siya kufumana iikopi ezimbini zale ncwadi, nekufuneka zisetyenziswe njengeencwadi ezongezelelweyo ngootishala nabafundi beSifundo soLwazi ngezoBomi.
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise bonke ootitshala beSifundo soLwazi ngezoBomi ngokukule ngcaciso imfutshane ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-J.P. RAULT-SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2005:08:19